-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|1 Samuel 20:21|
Yabona, ndiya kumthuma umfana, ndithi, Yiya, uzithabathe iintolo. Ukuba ndithe kumfana, Nanzi iintolo, zinganeno kwakho, zithabathe: woza wena; ngokuba koba kuluxolo kuwe, akukho nto, ehleli nje uYehova.
-
22
|1 Samuel 20:22|
Ke ukuba ndithe kwindodana leyo, Nanzo iintolo zingaphaya kwakho: hamba, ngokuba uYehova woba ukundulule.
-
23
|1 Samuel 20:23|
Ke ilizwi eliya silithethileyo mna nawe, yabona, uYehova uphakathi kwam nawe kude kuse ephakadeni.
-
24
|1 Samuel 20:24|
Wazimela ke uDavide ezindle. Yathwasa inyanga; wahlala ukumkani esidlweni ukuba adle.
-
25
|1 Samuel 20:25|
Wahlala ukumkani esihlalweni sakhe njengezinye izihlandlo, esihlalweni saseludongeni. Wesuka wema uYonatan. Wahlala uAbhinere ecaleni likaSawule, yayodwa, indawo kaDavide.
-
26
|1 Samuel 20:26|
Akathetha nto uSawule ngaloo mini; ngokuba ebesithi, Uhlelwe yinto; akahlambulukile, inene, akahlambulukile.
-
27
|1 Samuel 20:27|
Kwathi ngengomso, iselithwasile nenyanga ngosuku lwesibini, ayaba namntu indawo kaDavide. Wathi uSawule kuYonatan, unyana wakhe, Yini na ukuba angezi kudla unyana kaYese nayizolo nanamhla?
-
28
|1 Samuel 20:28|
UYonatan wamphendula uSawule, wathi, UDavide ucele kum, wandibongoza ukuba aye eBhetelehem;
-
29
|1 Samuel 20:29|
wathi, Khawundiyeke ndiye; ngokuba kukho umbingelelo wemizalwane yakowethu ekhaya; ke yena umkhuluwa wam undiwisele umthetho; kaloku ukuba undibabale, makhe ndigidime, ndibone umkhuluwa wam. Kungenxa yoko angezanga etafileni yokumkani.
-
30
|1 Samuel 20:30|
Wavutha ke umsindo kaSawule kuYonatan, wathi kuye, Nyana wegwenxakazi eligwilikileyo, andazi yini na ukuba unyana kaYese umnyulele ukuba abe lihlazo lakho, nehlazo lobuze bonyoko?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7