-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|1 Samuel 20:31|
Kuba yonke imihla, unyana kaYese aya kudla ubomi ngayo emhlabeni, akuyi kuqiniseka wena nobukumkani bakho. Thumela ngoko, umzise kum, ngokuba engumntwana wokufa.
-
32
|1 Samuel 20:32|
UYonatan wamphendula uSawule uyise, wathi kuye, Yini na ukuba abulawe? ufa ngani na?
-
33
|1 Samuel 20:33|
USawule wabinza ngentshuntshe ukuba atsho kuye. Wazi uYonatan, ukuba uyise ugqibe kwelokuba ambulale uDavide.
-
34
|1 Samuel 20:34|
UYonatan wesuka ke etafileni evutha ngumsindo; akadla kudla ngomhla wesibini wenyanga; ngokuba ubebuhlungu ngoDavide, kuba uyise ubemhlazisile.
-
35
|1 Samuel 20:35|
Kwathi ngengomso, waphuma uYonatan waya ezindle, ukuba ahlangane noDavide, enomfana omncinane.
-
36
|1 Samuel 20:36|
Wathi kumfana, Khawubaleke, uzithabathe iintolo endizixunayo. Umfana wabaleka; ke yena wazixuna iintolo, ukuze zigqithe kuye.
-
37
|1 Samuel 20:37|
Wafika umfana kuloo ndawo belukuyo utolo abeluxunile uYonatan. Wamemeza uYonatan kumfana, wathi, Nalo ngaphaya kwakho utolo.
-
38
|1 Samuel 20:38|
Wamemeza uYonatan kumfana, wathi, Khawuleza, ngxama, musa ukuma. Umfana wakwaYonatan waluchola utolo, waluzisa enkosini yakhe.
-
39
|1 Samuel 20:39|
Umfana ubengazi nto. NguYonatan noDavide ababeyazi loo nto.
-
40
|1 Samuel 20:40|
UYonatan wayinikela impahla yakhe umfana lo abenaye, wathi kuye, Hamba uyise ekhaya. Waya umfana lowo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4