-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|1 Samuel 23:11|
Abemi beKehila bondinikela na esandleni sakhe? Wohla na uSawule, njengoko avileyo umkhonzi wakho? Yehova, Thixo kaSirayeli, khawumxelele umkhonzi wakho. Wathi uYehova, Uya kuhla.
-
12
|1 Samuel 23:12|
Wathi uDavide, Abemi beKehila bondinikela na mna namadoda am esandleni sikaSawule? Wathi uYehova, Bokunikela.
-
13
|1 Samuel 23:13|
Wesuka uDavide namadoda akhe, bekumakhulu amathandathu amadoda, baphuma eKehila, bahamba apho bangahamba khona. Waxelelwa uSawule ukuba uDavide usabile eKehila; wayeka, akaphuma.
-
14
|1 Samuel 23:14|
Wahlala ke uDavide entlango ezimboniselweni, wahlala ezintabeni entlango yeZifi. USawule wamfuna imihla yonke; uThixo akamnikela esandleni sakhe.
-
15
|1 Samuel 23:15|
Wabona uDavide ukuba uSawule uphume eza kufuna umphefumlo wakhe. UDavide ebesentlango yeZifi entshinyeleni yehlathi.
-
16
|1 Samuel 23:16|
Wesuka uYonatan unyana kaSawule, waya kuDavide entshinyeleni yehlathi. Wasomeleza isandla sakhe kuThixo, wathi kuye,
-
17
|1 Samuel 23:17|
Musa ukoyika, ngokuba isandla sikaSawule ubawo asiyi kukufumana. Wena uya kuba ngukumkani kumaSirayeli, mna ndibe nganeno kwakho; kananjalo uSawule ubawo uyakwazi kakuhle oku.
-
18
|1 Samuel 23:18|
Benza umnqophiso bobabini phambi koYehova. UDavide wahlala entshinyeleni yehlathi apho, uYonatan waya endlwini yakhe.
-
19
|1 Samuel 23:19|
Benyuka abaseZifi, baya kuSawule eGibheha, besithi, UDavide akazizimeze kuthi yini na ezimboniselweni, entshinyeleni yehlathi, endulini yeHakila esekunene kwenkangala?
-
20
|1 Samuel 23:20|
Kaloku yihla, kumkani, ngokomnqweno wonke womphefumlo wakho ukuhla; kunathi ukumnikela esandleni sokumkani.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3