-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|1 Samuel 23:21|
Wathi uSawule, Nisikelelwe nguYehova; ngokuba ninofefe kum.
-
22
|1 Samuel 23:22|
Khaniye nigqale okunye, nazi, nibone indawo yakhe, apho unyawo lwakhe lukhona, nokuba ngubani na ombone khona; ngokuba kuthiwa kum, Asikuko nokuba unobuqhophololo;
-
23
|1 Samuel 23:23|
nibone nazi iindawo zonke zokuzimela, aya kuzimela kuzo, nibuyele kum niqiqile; ndohamba nani. Kothi, ukuba ukho kweli lizwe, ndimfune ndimfumane phakathi kwamawaka onke akwaYuda.
-
24
|1 Samuel 23:24|
Besuka ke baya eZifi phambi koSawule. UDavide namadoda akhe wayesentlango yeMahon, eArabha, ngasekunene kwenkangala.
-
25
|1 Samuel 23:25|
Wahamba uSawule namadoda akhe ukuya kumfuna. Bamxelela uDavide. Wehla ke waya engxondorheni, wahlala entlango yeMahon. Weva uSawule, wamsukela uDavide entlango yeMahon.
-
26
|1 Samuel 23:26|
Wahamba uSawule ngeli cala lentaba; wahamba uDavide namadoda akhe ngelaa cala lentaba. UDavide wemka buphuthuphuthu, ngokoyika uSawule; ke uSawule namadoda akhe babemrhawula uDavide namadoda akhe, ukuba bababambe.
-
27
|1 Samuel 23:27|
Ke kaloku kwafika umthunywa kuSawule, esithi, Khawuleza uze, ngokuba amaFilisti alingenele ilizwe.
-
28
|1 Samuel 23:28|
Wabuya ke uSawule ekumsukeleni uDavide, waya kuwahlangabeza amaFilisti. Ngenxa yokokwathiwa loo ndawo yiSelahamalekoti.
-
29
|1 Samuel 23:29|
Wenyuka apho uDavide, wahlala ezimboniselweni zase-Engedi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3