-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|1 Samuel 25:11|
Ndingathini na ukuthabatha isonka sam, namanzi am, nento yam exheliweyo, endiyixhelele abachebi bam, ndiyinike amadoda endingawaziyo nokuba avela phi na?
-
12
|1 Samuel 25:12|
Ajika ke amadodana akwaDavide, ahamba ngendlela yawo, abuya eza amxelela ngokwaloo mazwi onke.
-
13
|1 Samuel 25:13|
Wathi uDavide kumadoda akhe, Nxibani elowo ikrele lakhe. Banxiba ke elowo ikrele lakhe. Walinxiba noDavide ikrele lakhe. Kwenyuka uDavide, elandelwa ngamadoda akumakhulu amane; kwahlala amakhulu amabini nempahla.
-
14
|1 Samuel 25:14|
Ke kaloku uAbhigali, umkaNabhali, waxelelwa yindodana ethile kumadodana akhe, isithi, Yabona, uDavide ususe abathunywa entlango, ukuba beze kusikelela inkosi yethu; yesuka yabadlakavula.
-
15
|1 Samuel 25:15|
Kanti amadoda lawo ebelungile kunene kuthi; akasonanga, asilahlekelwanga nto ngemihla yonke esibe sihamba nawo, oko besisezindle;
-
16
|1 Samuel 25:16|
aba ludonga kuthi nasebusuku nasemini, yonke imihla ebe sinawo, sisalusa impahla emfutshane.
-
17
|1 Samuel 25:17|
Yazi ngoko, uyibone into oyenzayo; ngokuba kugqitywe kwelobubi ngakwinkosi yethu, nangakwindlu yayo yonke; ilitshijolo, akusenakuthethwa nayo.
-
18
|1 Samuel 25:18|
Wakhawuleza ke uAbhigali, wathabatha amakhulu amabini ezonka, neentsuba zambini zewayini, neegusha zantlanu sezihlinziwe, neeseha zantlanu zamakhweba, zalikhulu izicumba zeerasintyisi, zamakhulu mabini izicumba zamakhiwane, wazibeka emaesileni.
-
19
|1 Samuel 25:19|
Wathi kumadodana akwakhe, Gqithelani phambi kwam; niyabona, ndiyanilandela. Akayixelela indoda yakhe uNabhali.
-
20
|1 Samuel 25:20|
Kwathi, ekhwele e-esileni, esihla esitheni lentaba, nabo ooDavide namadoda akhe besihla, bemkhawulela, waqubisana nabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7