-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|1 Samuel 25:21|
Ke kaloku uDavide ebethe, Ndifumane ndazixokisa ngokwam, ndazigcina zonke izinto zalo entlango, akwalahleka nto entweni yonke eyeyakhe; wandibuyisela ububi esikhundleni sokulungileyo.
-
22
|1 Samuel 25:22|
UThixo makenjenje kwiintshaba zikaDavide, aqokele ukwenjenje, ukuba kude kwasa ngomso ndisalise, kubo bonke anabo, into eyindoda.
-
23
|1 Samuel 25:23|
UAbhigali wambona uDavide, wangxama, wehla e-esileni, wawa ngobuso phambi koDavide, waqubuda emhlabeni.
-
24
|1 Samuel 25:24|
Wawa ke ezinyaweni zakhe, wathi, Mabube kum, kum lo, nkosi yam, ubugwenxa obu. Makhe athethe umkhonzazana wakho ezindlebeni zakho, uwaphulaphule amazwi omkhonzazana wakho.
-
25
|1 Samuel 25:25|
Inkosi yam mayingakhe ikhathale ngulo mntu ulitshijolo, uNabhali ngokuba njengoko linjalo igama lakhe, unjalo yena; nguNabhali igama lakhe, unobudenge; ke mna, mkhonzazana wakho, andiwabonanga amadodana enkosi yam, owawathumayo.
-
26
|1 Samuel 25:26|
Ngoko, nkosi yam, ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, inene, uYehova ukunqandile ukuba ungaphalazi gazi, ungazisindisi ngesandla sakho; ngoko mazibe njengoNabhali iintshaba zakho, nabayifunela ububi inkosi yam.
-
27
|1 Samuel 25:27|
Ngoko le ntsikelelo, ayizisileyo umkhonzazana wakho enkosini yam, mayinikwe amadodana alandela inkosi yam.
-
28
|1 Samuel 25:28|
Khawumxolele umkhonzazana wakho ukreqo lwakhe; ngokuba, inene, uYehova uya kuyenzela inkosi yam indlu eqinileyo; ngokuba inkosi yam ilwa iimfazwe zikaYehova; ububi abuyi kufunyanwa kuwe imihla yakho yonke.
-
29
|1 Samuel 25:29|
Xa kuthe kwesuka umntu, wakusukela, wawufuna umphefumlo wakho, wobotshwa umphefumlo wenkosi yam esiqhumeni sabaphilileyo kuYehova uThixo wakho; ke wona umphefumlo weentshaba zakho wowusawula entendeni yenkwitshi.
-
30
|1 Samuel 25:30|
Kuthi, xa uYehova athe wenza kwinkosi yam njengako konke okulungileyo akuthethileyo ngawe; wakumisa wayinganga yamaSirayeli:
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3