-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
12
|1 Samuel 9:12|
Wabaphendula, wathi, Ikho, nantso phambi kwenu; khawulezani ngoku, kuba ifike namhlanje kulo mzi, ngokuba abantu banombingelelo namhla esigangeni;
-
13
|1 Samuel 9:13|
xa ningena kulo mzi, noyifumana ingekenyuki iye kudla esigangeni; kuba abayi kudla abantu ingekafiki; ngokuba usikelelwa yiyo umbingelelo, baze badle emveni koko abamenyiweyo; nyukani ngoku, ngokuba noyifumana ngoku. Benyuka ke baya kuloo mzi.
-
14
|1 Samuel 9:14|
Bakubona ukuba bayangena kuloo mzi, nanko uSamuweli ephuma equbisana nabo, eza kunyuka aye esigangeni.
-
15
|1 Samuel 9:15|
Ke kaloku uYehova wayeyityhilele indlebe kaSamuweli ngosuku olungaphambi kokuza kukaSawule, esithi,
-
16
|1 Samuel 9:16|
Ngeli xesha ngomso, ndiya kuthumela kuwe indoda yasezweni lakwaBhenjamin, ukuze uyithambise, ibe yinganga yabantu bam amaSirayeli, ibasindise abantu bam esandleni samaFilisti; ngokuba ndibabonile abantu bam; kuba ukukhala kwabo kufikile kum.
-
17
|1 Samuel 9:17|
USamuweli wambona uSawule. UYehova wamphendula, wathi, Nantso loo ndoda ndibe ndithethe kuwe ngayo. Yiyo eya kuphatha ubukhosi phezu kwabantu bam.
-
18
|1 Samuel 9:18|
Wasondela uSawule kuSamuweli esangweni, wathi, Khawundixelele, iphi na apha indlu yemboni?
-
19
|1 Samuel 9:19|
USamuweli wamphendula uSawule, wathi, Ndim imboni; nyuka phambi kwam uye esigangeni, nidle nam namhla, ndikundulule ngomso, ndikuxelele konke okusentliziyweni yakho.
-
20
|1 Samuel 9:20|
Ke iimazi zamaesile esekuntsuku ntathu namhla zikulahlekile, musa ukuyibekela kuzo intliziyo yakho; ngokuba zifunyenwe. Kokukabani na konke okunqwenelekayo kwaSirayeli? Asikokwakho na, nokwendlu yonke kayihlo?
-
21
|1 Samuel 9:21|
Waphendula uSawule, wathi, AndingumBhenjamin yini na, wesizwe esincinanana kwaSirayeli? Nomzalwane wakowethu awuphantsi na emizalwaneni yonke yesizwe sakwaBhenjamin? Yini na ukuba uthethe ilizwi elinje kum?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7