-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|1 Samuel 1:1|
Ke kaloku kwakukho ndoda ithile yaseRama, umTsofi, yakweleentaba lakwaEfrayim, egama belinguElikana, unyana kaYeroham, unyana kaElihu, unyana kaTohu, unyana kaTsufi, wakwaEfrayim.
-
2
|1 Samuel 1:2|
Yayinabafazi ababini; igama lomnye lalinguHana, igama lowesibini linguPenina; uPenina ke wayenabantwana, uHana yena engenabantwana.
-
3
|1 Samuel 1:3|
Indoda leyo ibinyuka ivela emzini wayo iminyaka ngeminyaka, iye kunqula, ibingelele kuYehova wemikhosi eShilo. Babekhona ke oonyana bakaEli ababini, ooHofeni noPinehasi, ababingeleli bakaYehova.
-
4
|1 Samuel 1:4|
Kwathi ngemini awabingelela ngayo uElikana, wamnika uPenina umkakhe, noonyana bakhe bonke, neentombi zakhe, izabelo.
-
5
|1 Samuel 1:5|
Ke uHana wamnika isabelo sabantu ababini, ngokuba ebemthanda uHana; ke uYehova ebesivalile isizalo sakhe.
-
6
|1 Samuel 1:6|
Waza umkhweleteli wakhe wamana emchunuba, ukuze ade acunuke; ngokuba uYehova ebesivalile isizalo sakhe.
-
7
|1 Samuel 1:7|
Wenjenjalo uElikana iminyaka ngeminyaka, xa wenyukayo ukuya endlwini kaYehova; wenjenjalo uPenina ukumqumbisa; uHana walila, akadla.
-
8
|1 Samuel 1:8|
Wathi uElikana umyeni wakhe kuye, Hana, ulilelani na? Yini na ukuba ungadli? Yini na ukuba ibe mbi intliziyo yakho? Andilungile na kuwe ngaphezu koonyana abalishumi?
-
9
|1 Samuel 1:9|
Wesuka uHana emveni kokuba bedlile eShilo, emveni kokuba besele. Ke kaloku uEli umbingeleli wayeleli esilalweni ngasemgubasini webhotwe likaYehova.
-
10
|1 Samuel 1:10|
Wawukrakra umphefumlo kaHana, wathandaza kuYehova, wasitsho isililo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7