-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
13
|1 Samuel 2:13|
Kwanesilunga sababingeleli esiphuma ebantwini, akubonÂ’ ukuba umntu ubingelela umbingelelo, kwaza kweza umfana wakwambingeleli, xa iphekiweyo inyama, enefolokhwe emazinyo mathathu esandleni sakhe,
-
14
|1 Samuel 2:14|
wahlaba nokuba kuselukhambeni, nokuba kuseketileni, nokuba kukungxawu, nokuba kusembizeni: ibisithi yonke into ephume nefolokhwe azithabathele umbingeleli kwangayo. Benjenjalo kumaSirayeli onke abesiza eShilo apho.
-
15
|1 Samuel 2:15|
Kananjalo kungekaqhunyiselwa ngamanqatha, ubesithi umfana wakwambingeleli, eze kumntu obingelelayo, athi, Ethe inyama, yoselwe umbingeleli; kuba akayi kwamkela nyama iphekiweyo kuwe, mayibe yekrwada.
-
16
|1 Samuel 2:16|
Athi umntu lowo akuthi kuye, Kuya kuqhunyiselwa inene ngamanqatha kwangoku, wandule ke uzithabathele, njengoko umphefumlo wakho unqwenela ngako: athi yena, Hayi, ndinike ngoku; ukuba akundiniki, ndoyithabatha ngamandla.
-
17
|1 Samuel 2:17|
Saba sikhulu kunene isono samadodana phambi koYehova; ngokuba abantu bawudela umnikelo kaYehova.
-
18
|1 Samuel 2:18|
Waye uSamuweli elungiselela phambi koYehova, eyinkwenkwe ebhinqe iefodi yelinen emhlophe.
-
19
|1 Samuel 2:19|
Unina ubemenzela ingubo yokwaleka, anyuke nayo, ayise kuye iminyaka ngeminyaka ekunyukeni kwakhe nendoda yakhe, ukuza kubingelela umbingelelo womnyaka.
-
20
|1 Samuel 2:20|
UEli wamsikelela uElikana nomkakhe, wathi, UYehova makakunike imbewu ngalo mfazi esikhundleni soceliweyo, owacelwa kuYehova. Bahamba bagoduka.
-
21
|1 Samuel 2:21|
UYehova wamvelela uHana; wamitha, wazala oonyana abathathu, neentombi ezimbini. Yakhula inkwenkwe enguSamuweli ikuYehova.
-
22
|1 Samuel 2:22|
Ke kaloku uEli ubeselemdala kakhulu; wayiva yonke into ababeyenza oonyana bakhe kumaSirayeli onke, kwanokuba babelala nabafazi ababekhonza emnyango wentente yokuhlangana.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7