-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|1 Samuel 2:3|
Musani ukukwandisa ukuthetha izinto eziphakamileyo, izinto eziphakamileyo, Kungaphumi ntetho yakuhlakanipha emlonyeni wenu; Ngokuba uYehova nguThixo owazi konke, Yena nguMlinganisi wezenzo eziyincamisa.
-
4
|1 Samuel 2:4|
Izaphetha zamagorha zaphukile, Abakhubeki babhinqiswe amandla.
-
5
|1 Samuel 2:5|
Abahluthiyo baziqeshisela isonka, Abalambileyo baza kuphela ukulamba, Ade nongazaliyo azale isixhenxe, Onabantwana abaninzi antshwenye.
-
6
|1 Samuel 2:6|
UYehova uyabulala, adlise ubomi; Uhlisela kwelabafileyo, abuye anyuse.
-
7
|1 Samuel 2:7|
UYehova uyahlwempuza, atyebise; Uthoba, abuye aphakamise.
-
8
|1 Samuel 2:8|
Uvusa eluthulini abasweleyo, Aphakamise amahlwempu ezaleni, Ukuba awahlalise namanene; Uwabela ilifa elisihlalo sozuko; Ngokuba zezikaYehova iintsika zehlabathi, Walimisa phezu kwazo elimiweyo.
-
9
|1 Samuel 2:9|
Iinyawo zabakhe benceba uya kuzigcina, Abangendawo badake ebumnyameni; Ngokuba indoda ayeyisi ngamandla.
-
10
|1 Samuel 2:10|
UYehova yena—baya kuqhiphuka umbilini ababambana naye. Uya kududumisa phezu kwabo emazulwini; UYehova uya kuzigweba iziphelo zehlabathi, Amnike ukumkani wakhe amandla, Aluphakamise uphondo lomthanjiswa wakhe.
-
11
|1 Samuel 2:11|
Wesuka uElikana, waya endlwini yakhe; ke umntwana ebelungiselela kuYehova phambi kukaEli umbingeleli.
-
12
|1 Samuel 2:12|
Ke kaloku oonyana bakaEli babengamatshijolo, bengamazi uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7