-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
23
|1 Samuel 2:23|
Wathi kubo, Yini na ukuba nenze izinto ezinjengezi? Kuba izenzo zenu ezibi ndiziva ngaba bantu bonke.
-
24
|1 Samuel 2:24|
Hayi, nyana bam; ngokuba asiludaba luhle olu ndiluvayo mna; nibanga ukuba abantu bakaYehova bagqithise.
-
25
|1 Samuel 2:25|
Ukuba umntu uthe wona umntu, uThixo uyamlamlela; ke ukuba umntu uthe wona kuYehova, ngubani na oya kumlamlela? Abaliphulaphula izwi likayise; kuba uYehova ubefuna ukubabulala.
-
26
|1 Samuel 2:26|
Ke inkwenkwe, uSamuweli, yaya ikhula ngokukhula, ithandeka kuYehova nakubantu.
-
27
|1 Samuel 2:27|
Kweza umntu kaThixo kuEli, wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Kanene ndazityhila na kwindlu kayihlo, beseYiputa endlwini kaFaro?
-
28
|1 Samuel 2:28|
Ndamnyula na ezizweni zonke zakwaSirayeli, ukuba abe ngumbingeleli kum, anyuke esibingelelweni sam, aqhumisele ngeziqhumiso, anxibe iefodi phambi kwam? Ndayinika yonke indlu kayihlo konke ukudla kwasemlilweni koonyana bakaSirayeli?
-
29
|1 Samuel 2:29|
Yini na ke ukuba niwunyathelele phantsi umbingelelo wam nomnikelo wam wokudla, endiwise umthetho ngawo ekhayeni lam, usuke ubazukise oonyana bakho ngaphezu kwam, ukuze nizityebise ngelona nqatha leminikelo yonke yamaSirayeli, abantu bam?
-
30
|1 Samuel 2:30|
Ngoko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndatsho okunene ukuthi, Indlu yakho nendlu kayihlo yohamba phambi kwam kude kuse ephakadeni; kungoku utsho uYehova ukuthi, Oko makube lee kum; ngokuba ondizukisayo ndiya kumzukisa, abandidelayo bacukucezwe.
-
31
|1 Samuel 2:31|
Yabona, imihla iyeza, endiya kuyinqumla ingalo yakho, nengalo yendlu kayihlo, kungabikho ngwevu endlwini kayihlo;
-
32
|1 Samuel 2:32|
ukubone ukubandezelwa kwekhaya lam ezintweni zonke uThixo aya kuwenzela okulungileyo ngazo amaSirayeli; kungabikho ngwevu endlwini yakho imihla yonke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7