-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|1 Samuel 3:7|
Ke uSamuweli ebengekamazi uYehova, libe lingekatyhileki kuye ilizwi likaYehova.
-
8
|1 Samuel 3:8|
Waqokela uYehova wambiza uSamuweli okwesithathu. Wavuka weza kuEli, wathi kuye, Ndilapha; ngokuba undibizile. Waqonda uEli ukuba uYehova umbizile umntwana.
-
9
|1 Samuel 3:9|
Wathi uEli kuSamuweli, Hamba uye kulala; kothi, ukuba uthe wakubiza, uthi, Thetha, Yehova, ngokuba esiva umkhonzi wakho. Waya uSamuweli, walala endaweni yakhe.
-
10
|1 Samuel 3:10|
Weza uYehova, wema, wabiza njengezinye izihlandlo, wathi, Samuweli, Samuweli. Wathi uSamuweli, Thetha, ngokuba esiva umkhonzi wakho.
-
11
|1 Samuel 3:11|
Wathi uYehova kuSamuweli, Uyabona, ndenza into kwaSirayeli eya kubetha zithi nzwi iindlebe zombini zabantu bonke abaya kuyiva.
-
12
|1 Samuel 3:12|
Ngaloo mini ndiyakumvelisela uEli yonke into endiyithethileyo ngokusingisele kwindlu yakhe; ndiqalile, ndiya kugqiba.
-
13
|1 Samuel 3:13|
Ndimxelele ukuba ndiyayigweba indlu yakhe kudekuse ephakadeni, ngenxa yobugwenxa abaziyo; ngokuba baziqalekisa oonyana bakhe, akabangxolisa.
-
14
|1 Samuel 3:14|
Ngoko ndiyifungele indlu kaEli, ndathi, Inene ubugwenxa bendlu kaEli abuyi kucanyagushelwa ngambingelelo, nangamnikelo wakudla, naphakade.
-
15
|1 Samuel 3:15|
Walala uSamuweli kwada kwasa, wazivula ke iingcango zendlu kaYehova. USamuweli woyika ukumxelela uEli umbono lowo.
-
16
|1 Samuel 3:16|
UEli wambiza uSamuweli, wathi, Samuweli, nyana wam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5