-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|1 Samuel 15:3|
Yiya ngoko, uwaxabele ama-Amaleki, nikusingele phantsi konke anako, ningawacongi; uze ubulale, uthabathela kwindoda use kwinkazana, uthabathela kolunyulweyo use kowanyayo, uthabathela kwinkomo use kwimvu, uthabathela kwinkamela use kwiesile.
-
4
|1 Samuel 15:4|
Wababiza ke abantu, wababala eTelayim; amabini amakhulu amawaka omqikela; alishumi lamawaka amadoda akwaYuda.
-
5
|1 Samuel 15:5|
USawule wafika kumzi wama-Amaleki walalela esihlanjeni.
-
6
|1 Samuel 15:6|
Wathi uSawule kumaKeni, Hambani nihle, nimke kuma-Amaleki, hleze ndiniquke nawo; nina nabenzela inceba bonke oonyana bakaSirayeli ekunyukeni kwabo eYiputa. Emka ke amaKeni kuma-Amaleki.
-
7
|1 Samuel 15:7|
USawule wawaxabela ama-Amaleki, wathabathela eHavila wada waya eShure, ekhangelene neYiputa.
-
8
|1 Samuel 15:8|
Wambamba uAgagi ukumkani wama-Amaleki ehleli, wabasingela phantsi bonke abantu ngohlangothi lwekrele.
-
9
|1 Samuel 15:9|
USawule nabantu bamsindisa uAgagi, neyona ilungileyo impahla emfutshane, neenkomo, neyalekelwayo, neemvana, izinto zonke ezilungileyo abavuma ukuzisingela phantsi zona; ke yonke impahla edelekileyo, egxugxileyo, bayisingela phantsi.
-
10
|1 Samuel 15:10|
Lafika ilizwi likaYehova kuSamuweli, lisithi,
-
11
|1 Samuel 15:11|
Ndiyazohlwaya ngenxa yokuba ndimenzile uSawule ukumkani; ngokuba ebuyile ekundilandeleni, akalifeza ilizwi lam. Wavutha ngumsindo uSamuweli, wakhala kuYehova ubusuku bonke.
-
12
|1 Samuel 15:12|
Wavuka kusasa uSamuweli, waya kukhawulela uSawule kusasa. Waxelelwa uSamuweli kwathiwa, USawule uzeeKarmele; nanko ezimisele isikhumbuzo, ejike wegqitha, wehla waya eGiligali.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10