-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
13
|1 Samuel 20:13|
makenjenje uYehova kuYonatan, makaqokele ukwenjenje. Xa kuthe kwalunga kubawo ukuba akwenze ububi, ndoyityhilela indlebe yakho, ndikundulule, uhambe unoxolo; uYehova makabe nawe, njengokuba ebenobawo.
-
14
|1 Samuel 20:14|
Wanga ungathi, ukuba ndisaphilile, undenzele inceba kaYehova;
-
15
|1 Samuel 20:15|
ungathi, ndakufa, uyinqumle inceba yakho endlwini yam nanini, ungenjenjalo nasekuzinqamleni kukaYehova iintshaba zikaDavide zonke ngazinye, ebusweni bomhlaba.
-
16
|1 Samuel 20:16|
Wanqophisana ke uYonatan nendlu kaDavide, esithi, UYehova makakubuze ke oku esandleni seentshaba zikaDavide.
-
17
|1 Samuel 20:17|
Waphinda uYonatan ukumfungisa uDavide ngokumthanda kwakhe; ngokuba ebemthanda njengomphefumlo wakhe.
-
18
|1 Samuel 20:18|
UYonatan wathi kuye, Ngomso iya kuthwasa inyanga; uya kubuzwa, ngokuba isihlalo sakho siya kuba sodwa.
-
19
|1 Samuel 20:19|
Ngomhla wesithathu uze uhle kamsinya, uye kuloo ndawo wawuzifihle kuyo ngemini yomsebenzi lowa, uhlale ecaleni lelitye le-Ezeli;
-
20
|1 Samuel 20:20|
ndizitolele ecaleni lalo iintolo zontathu, ndinge ndizixunela etekenini.
-
21
|1 Samuel 20:21|
Yabona, ndiya kumthuma umfana, ndithi, Yiya, uzithabathe iintolo. Ukuba ndithe kumfana, Nanzi iintolo, zinganeno kwakho, zithabathe: woza wena; ngokuba koba kuluxolo kuwe, akukho nto, ehleli nje uYehova.
-
22
|1 Samuel 20:22|
Ke ukuba ndithe kwindodana leyo, Nanzo iintolo zingaphaya kwakho: hamba, ngokuba uYehova woba ukundulule.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10