-
-
Xhosa
-
-
1
|2 Samuel 23:1|
Ngawo la ke amazwi okugqibela kaDavide: Utsho uDavide unyana kaYese, Itsho indoda eyaphakanyiselwa phezulu, Umthanjiswa woThixo kaYakobi, Omihobe imnandi kwaSirayeli,
-
2
|2 Samuel 23:2|
Ukuthi, UMoya kaYehova uthetha ngam, Ukukhuluma kwakhe kuselulwimini lwam.
-
3
|2 Samuel 23:3|
Uthi uThixo kaSirayeli, ULiwa lakwaSirayeli uthetha kum, uthi, Kuya kuvela umlawuli woluntu olilungisa, Elawula ngokoyika uThixo.
-
4
|2 Samuel 23:4|
Unjengokukhanya kwentsasa, lakuphuma ilanga, Njengentsasa engenamafu, Lakusa ibisina, Lwakuphuma uhlaza endle.
-
5
|2 Samuel 23:5|
Kuba ayinjalo yini na indlu yam kuThixo? Kuba undenzele umnqophiso ongunaphakade, Walungiswa ngeento zonke, wagcinwa; Kuba ukusindiswa kwam konke, nokunqwena kwam konke, Akayi kukuhlumisa yini na?
-
6
|2 Samuel 23:6|
Ke amatshijolo onke ephela anjengemithana enameva ecukulwayo, Kuba ingenakuthatyathwa ngesandla.
-
7
|2 Samuel 23:7|
Umntu ukuyiphatha Uzalisa isandla ngentsimbi noluthi lwentshuntshe, Itshiswe itshe ngumlilo kwalapho ikhona.
-
8
|2 Samuel 23:8|
Ngawo la amagama amagorha kaDavide: nguYoshebhe-bhashebhete waseTakemon, obeyintloko yabaphathi-mikhosi; yena watyityimbisa intshuntshe yakhe phezu kwamakhulu asibhozo awahlatywa ngesihlandlo esinye.
-
9
|2 Samuel 23:9|
Nganeno kwakhe nguElazare, unyana kaDodayi, unyana womAhowa, obelelinye kumagorha lawo mathathu abenoDavide ekuwangcikiveni kwawo amaFilisti, abebuthelene khona emfazweni, akubonÂ’ ukuba anyukile amadoda akwaSirayeli:
-
10
|2 Samuel 23:10|
yena wesuka wawabulala amaFilisti, sada sadinwa isandla sakhe, somela ekreleni isandla sakhe; wenza ke uYehova usindiso olukhulu ngaloo mini; babuya abantu bamlandela, banela ukuthimba kuphela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10