-
-
Xhosa
-
-
11
|2 Samuel 23:11|
Nganeno kwakhe nguShama, unyana ka-Age umHarari. AmaFilisti ayehlanganisene asisiqhu. Kwaye kukho apho isiqwenga somhlaba sizele ziintlumaya; basaba abantu ebusweni bamaFilisti;
-
12
|2 Samuel 23:12|
wesuka yena wema esazulwini sesiqwenga eso, wasihlutha, wawabulala amaFilisti. UYehova wenza ke usindiso olukhulu.
-
13
|2 Samuel 23:13|
Kwehla isithathu sabaziintloko emashumini amathathu abaphathi-mikhosi, beza kuDavide, xa kuvunwayo, emqolombeni waseAdulam; saye isiqhu samaFilisti simise iintente entilini yamaRafa.
-
14
|2 Samuel 23:14|
UDavide oko ubesemboniselweni; ikampu yamaFilisti oko ibiseBhetelehem.
-
15
|2 Samuel 23:15|
Wanqwena uDavide, wathi, Akwaba, bethu, bendingasezwa amanzi equla laseBhetelehem, elisesangweni!
-
16
|2 Samuel 23:16|
Atyhudisa loo magorha mathathu empini yamaFilisti, akha amanzi equleni laseBhetelehem elisesangweni, awathwala awazisa kuDavide. Akavuma ukuwasela, wawathululela phantsi phambi koYehova.
-
17
|2 Samuel 23:17|
Wathi, Makube lee kum, Yehova, ukwenza oko. Asiligazi na eli lamadoda ahambe encame imiphefumlo yawo? Akavuma ke ukuwasela. Enza ezo zinto amagorha lawo mathathu.
-
18
|2 Samuel 23:18|
Ke uAbhishayi, umninawa kaYowabhi, unyana kaTseruya, yena ube eyintloko yabaphathi-mikhosi; wathi rhuthu intshuntshe yakhe phezu kwamakhulu amathathu abahlatywayo. Wayenegama ke kwabo bathathu.
-
19
|2 Samuel 23:19|
Wayezukile okunene ngaphezu kwamashumi amathathu lawo, waba ngumthetheli wawo; kodwa akafikanga kwabaya bathathu.
-
20
|2 Samuel 23:20|
Ke uBhenaya unyana kaYehoyada, unyana wendoda enobukroti, ozenzo zininzi, waseKabhetseli, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama equleni phakathi, mini ngekhephu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10