-
-
Xhosa
-
-
11
|2 Samuel 3:11|
Akaba saba nako ukumphendula nezwi uAbhinere ngokumoyika.
-
12
|2 Samuel 3:12|
Wesusa esikhundleni sakhe uAbhinere abathunywa, baya kuDavide; esithi, Lelikabani na ilizwe? esithi, Yenza umnqophiso wakho nam; uyabona, isandla sam sinawe, ukuba aguqulelwe kuwe amaSirayeli onke.
-
13
|2 Samuel 3:13|
Wathi, Kulungile, ndowenza nawe umnqophiso. Kodwa kukho nto-nye ndiyifunayo kuwe; yile: akuyi kububona ubuso bam, ungamzisanga uMikali intombi kaSawule, wakuza kububona ubuso bam.
-
14
|2 Samuel 3:14|
UDavide wesusa abathunywa, baya kuIshbhoshete unyana kaSawule, esithi, Ndinike umkam uMikali, endamgana ngekhulu leenyama zokwaluswa zamaFilisti.
-
15
|2 Samuel 3:15|
Wathumela uIshbhoshete, wamthabatha kwindoda yakhe, kuPaltiyeli unyana kaLayishe.
-
16
|2 Samuel 3:16|
Yahamba naye ke indoda yakhe, imana ilila emva kwakhe, kwada kwezisa eBhahurim. Wathi uAbhinere kuyo, Hamba ubuye. Yabuya.
-
17
|2 Samuel 3:17|
Ke kaloku uAbhinere wayenelizwi kumadoda amakhulu akwaSirayeli, elithi, Kwangaphambili nibe nimfuna uDavide, ukuba abe ngukumkani kuni:
-
18
|2 Samuel 3:18|
yenzani kaloku, ngokuba uYehova utshilo kuDavide, ukuthi, Ndiya kubasindisa ngesandla sikaDavide, umkhonzi wam, abantu bam amaSirayeli esandleni samaFilisti, nasesandleni seentshaba zabo zonke.
-
19
|2 Samuel 3:19|
Kananjalo uAbhinere ebethethile ezindlebeni zamaBhenjamin; kanjalo uAbhinere waya kuthetha ezindlebeni zikaDavide eHebron konke okulungileyo phambi kwamaSirayeli, naphambi kwendlu yonke yakwaBhenjamin.
-
20
|2 Samuel 3:20|
Waya ke uAbhinere kuDavide eHebron, enamashumi amabini amadoda. UDavide wamenzela ke isidlo uAbhinere namadoda akhe abenawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38