-
-
Xhosa
-
-
31
|2 Samuel 3:31|
Wathi uDavide kuYowabhi nakubantu bonke anabo, Krazulani iingubo zenu, nibhinqe ezirhwexayo, nimmbambazelele uAbhinere. UDavide ukumkani walilandela ithala.
-
32
|2 Samuel 3:32|
Bamngcwabela eHebron uAbhinere. Waliphakamisa ukumkani ilizwi lakhe, walila engcwabeni lika-Abhinere. Balila abantu bonke.
-
33
|2 Samuel 3:33|
Ukumkani wamenzela isimbonono uAbhinere, wathi, Angafa ngokufa kwesidenge na uAbhinere?
-
34
|2 Samuel 3:34|
Izandla zakho bezingakhonkxwanga, iinyawo zakho bezingafakwanga amakhamandela obhedu, Uwe njengowa phambi kwamabhedengu. Baphinda bonke abantu bamlilela.
-
35
|2 Samuel 3:35|
Bonke abantu beza kumdlisa uDavide isonka, kusesemini. Wafunga uDavide, esithi. UThixo makenjenje kum, aqokele ukwenjenje, ukuba ndithe, lingekatshoni ilanga, ndeva isonka, nokuba yinto eyiyimbi.
-
36
|2 Samuel 3:36|
Bakugqala oko bonke abantu, kwalunga emehlweni abo; njengokuba konke abekwenza ukumkani bekulunga emehlweni abantu bonke.
-
37
|2 Samuel 3:37|
Bazi ke abantu bonke namaSirayeli onke ngaloo mini, ukuba ukubulawa kuka-Abhinere, unyana kaNere, bekungaphume kukumkani.
-
38
|2 Samuel 3:38|
Wathi ukumkani kubakhonzi bakhe, Anazi na, ukuba namhlanje kuwe umthetheli, umntu omkhulu kwaSirayeli?
-
39
|2 Samuel 3:39|
Ke ndisebuthathaka, ndisathanjiswa namhla ukuba ndibe ngukumkani; la madoda, oonyana bakaTseruya, alukhuni kum. Akwaba uYehova angambuyekeza umenzi wobubi kwangobubi bakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40