-
-
Xhosa
-
-
11
|2 Samuel 6:11|
Yahlala ityeya kaYehova endlwini kaObhedi-edom waseGati iinyanga zantathu; uYehova wamsikelela uObhedi-edom, nendlu yakhe yonke.
-
12
|2 Samuel 6:12|
Kwaxelwa kukumkani uDavide, kwathiwa, Uyisikelele uYehova indlu kaObhedi-edom nezinto zonke anazo, ngenxa yetyeya kaThixo. Waya uDavide, wayinyusa ityeya kaThixo endlwini kaObhedi-edom, wayizisa emzini kaDavide evuya.
-
13
|2 Samuel 6:13|
Kwathi, bakunyathela amabanga amathandathu abathwali betyeya kaYehova, wabingelela inkomo nethole elityetyisiweyo.
-
14
|2 Samuel 6:14|
Waye uDavide esina ngamandla onke phambi koYehova, uDavide ebhinqe iefodi yelinen emhlophe.
-
15
|2 Samuel 6:15|
OoDavide nendlu yonke kaSirayeli babeyinyusa ke ityeya kaYehova, beduma, behlokomisa isigodlo.
-
16
|2 Samuel 6:16|
Kwathi, yakufika ityeya kaYehova emzini kaDavide, uMikali, intombi kaSawule, wavela ngefestile, wambona ukumkani uDavide exhuma esina phambi koYehova, wamcekisa entliziyweni yakhe.
-
17
|2 Samuel 6:17|
Bayingenisa ityeya kaYehova, bayimisa endaweni yayo phakathi kwentente, abeyitwabululele yona uDavide; uDavide wenyusa amadini anyukayo phambi koYehova, nemibingelelo yoxolo.
-
18
|2 Samuel 6:18|
Wagqiba uDavide ukunyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo, wabasikelela abantu, egameni likaYehova wemikhosi,
-
19
|2 Samuel 6:19|
wababela bonke abantu, yonke ingxokolo yamaSirayeli, kwathabathela kwindoda kwesa nakumfazi; elowo wamnika umqhathane wesonka, nomlinganiso wewayini, nesicumba seerasintyisi. Baya ke bonke abantu elowo endlwini yakhe.
-
20
|2 Samuel 6:20|
Wabuya uDavide, eza kusikelela indlu yakhe. Waphuma uMikali intombi kaSawule, eya kukhawulela uDavide, wathi, Hayi, ukuzizukisa kokumkani wamaSirayeli namhla, ozihlubileyo namhla phambi kwabakhonzazana babakhonzi bakhe, njengoko azihlubayo umntu ongenabuntu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5