-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Ezequiel 21:1|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
2
|Ezequiel 21:2|
Nyana womntu, bhekisa ubuso kwiYerusalem, uwise intetho ezingcweleni, uprofete ngomhlaba wakwaSirayeli.
-
3
|Ezequiel 21:3|
Yithi kumhlaba wakwaSirayeli, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile; ndirhola ikrele lam esingxotyeni salo, ndinqumle kuwe ilungisa nongendawo.
-
4
|Ezequiel 21:4|
Ngenxa ke enokuba ndiya kunqumla kuwe ilungisa nongendawo, ngako oko liya kuphuma ikrele lam esingxotyeni salo, liye enyameni yonke, lithabathele ezantsi lise entla;
-
5
|Ezequiel 21:5|
yazi yonke inyama, ukuba mna Yehova ndilirholile ikrele lam esingxotyeni salo; alisayi kuba sabuya libuye.
-
6
|Ezequiel 21:6|
Wena ke, nyana womntu, ncwina; uqhekeke amanqe, uncwine nangobukrakra, emehlweni abo.
-
7
|Ezequiel 21:7|
Kothi, xa bathe kuwe, Uncwinelani na? uthi, Kungenxa yeendaba, ngokuba zisiza; kuya kunyibilika zonke iintliziyo, ziwe zonke izandla, incame yonke imimoya, amadolo onke angabi namandla. Yabona, ziyeza, ziya kubakho; itsho iNkosi uYehova.
-
8
|Ezequiel 21:8|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
9
|Ezequiel 21:9|
Nyana womntu, profeta uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ikrele, ikrele liloliwe, likhazimlisiwe nokukhazimliswa.
-
10
|Ezequiel 21:10|
Liloliwe ukuze lixhele libulale; likhazimlisiwe ukuze limenyezele njengombane. Ngesiba nemihlali sithi, Intonga yonyana wam le icekisa imithi yonke na?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10