-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Ezequiel 21:21|
Kuba ukumkani waseBhabheli umise ekwahlukaneni kweendlela, emantloko eendlela zombini, ukuze ahlabe isihlabo; uhlukuhla iintolo, ubuza kwimilondekhaya, ukhangela esibindini.
-
22
|Ezequiel 21:22|
Esandleni sakhe sokunene isihlabo sihlabe iYerusalem, ukuze kumiswe izinto zokutyhomfa, uhlatywe umkhosi wokubulala, kuphakanyiswe izwi lokuduma, kumiswe izinto zokutyhomfa emasangweni, kufunjwe udonga lokungqinga, kwakhiwe iinqaba zokubonisela.
-
23
|Ezequiel 21:23|
Soba njengesihlabo esikhohlakeleyo kubo emehlweni abo, bafungelwe izifungo bona; ke yena wokhumbuza ubugwenxa, ukuze baxhakamfulwe.
-
24
|Ezequiel 21:24|
Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokukhumbuza kwenu ubugwenxa benu, ekutyhilekeni kwezikreqo zenu, ukuze zibonakale izono zenu ezintlondini zenu zonke; ngenxa yokukhunjulwa kwenu, niya kuxhakamfulwa ngesandla.
-
25
|Ezequiel 21:25|
Wena ke, mbulawa ungendawo, sikhulu sakwaSirayeli, umini yakho ifikileyo ngexesha lobugwenxa bokuphela, itsho iNkosi uYehova ukuthi,
-
26
|Ezequiel 21:26|
Luya kususwa unkontsho, sithulwe nesithsaba; oko koko, namhla kunamhla; okuthobekileyo kuya kuphakanyiswa, okuphakamileyo kuya kuthotywa.
-
27
|Ezequiel 21:27|
Ndiya kukuphenula ndikuphenule, ndikuphenule; kwanako oko akuyi kuba kuko, koda kufike lowo kukokwakhe ukugweba; ndikunike yena.
-
28
|Ezequiel 21:28|
Wena ke, nyana womntu, profeta uthi, Itsho iNkosi uYehova ngokusingisele koonyana baka-Amon, ngokusingisele kungcikivo lwabo, ukuthi, Ikrele, ikrele lirholelwe ukuba libulale; likhazimlisiwe ukuba lidle, ukuba libe njengombane.
-
29
|Ezequiel 21:29|
Bekubonela inkohlakalo nje, bekuhlabela amanga nje, liya kukubeka ke ezintanyeni zabangendawo ababuleweyo, abamini iya kufika ngexesha lobugwenxa bokuphela.
-
30
|Ezequiel 21:30|
Libuyisele esingxotyeni salo. Endaweni odalelwe kuyo, ezweni lemvelo yakho, ndiya kukugweba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7