-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Ezequiel 21:11|
Linikelwe ukuba likhazimliswe, liphathwe ngesandla; liloliwe ikrele elo, likhazimlisiwe elo, ukuba linikelwe esandleni sombulali.
-
12
|Ezequiel 21:12|
Khala ubhomboloze, nyana womntu; ngokuba lithene mbende nabantu bam, lithene mbende nezikhulu zonke zakwaSirayeli; zizisulu zekrele kunye nabantu bam; ngako oko tywakraza ethangeni.
-
13
|Ezequiel 21:13|
Ngokuba sekucikidiwe; hi, kothini na ukuba nentonga ecekisayo? Akuyi kuba njalo; itsho iNkosi uYehova.
-
14
|Ezequiel 21:14|
Wena ke nyana womntu, profeta, utywakraze izandla; liphindwe okwesithathu ikrele, ikrele lababuleweyo; likrele lobuleweyo, lalowo mkhulu, elibarawulayo.
-
15
|Ezequiel 21:15|
Ukuze intliziyo ithe amandla, zande izikhubekiso, ndiwamisele amasango abo onke ikrele elijikajikayo. Awu! Lenzelwe ukuba libe njengombane, lithiwe rhuthu ukuba libulale.
-
16
|Ezequiel 21:16|
Tyekela ngasekunene, guqukela ekhohlo, apho lubhekisa khona uhlangothi lwakho.
-
17
|Ezequiel 21:17|
Nam ndiya kuzitywakraza izandla zam, ndibupholise ubushushu bam, mna Yehova ndithethile.
-
18
|Ezequiel 21:18|
Kwafika kum ilizwi likaYehova, lisithi,
-
19
|Ezequiel 21:19|
Wena ke, nyana womntu, zimisele iindlela ezimbini, ukuze lizengazo ikrele lokumkani waseBhabheli; maziphume zweni-nye zombini, ukrole umalathiso, uwukrole emantloko endlela yomzi.
-
20
|Ezequiel 21:20|
Misa indlela, ukuze ikrele lifike eRabha yoonyana baka-Amon, nakwelakwaYuda, eYerusalem enqatyisiweyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10