-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Ezequiel 39:7|
Ndiya kulazisa igama lam elingcwele phakathi kwabantu bam amaSirayeli, ndingabuyi ndilingcolise igama lam elingcwele; zazi iintlanga ukuba ndinguYehova, oyiNgcwele kwaSirayeli.
-
8
|Ezequiel 39:8|
Yabona, le nto iyeza, iya kubakho; itsho iNkosi uYehova; yiloo mini ndandithetha yona.
-
9
|Ezequiel 39:9|
Ke baya kuphuma abemi bemizi yakwaSirayeli, baphembe babase umlilo ngezikrweqe, nangeengweletshetshe, nangamakhaka, ngezaphetha, nangeentolo, nangeenduku, nangezikhali; baphembe umlilo ngazo iminyaka esixhenxe.
-
10
|Ezequiel 39:10|
Abayi kutheza ziinkuni endle, bangagawuli nasemahlathini; ngokuba baya kuwuphemba ngezikrweqe umlilo; bathimbe kwabo babethinjwe ngabo, baphange ababephangwe ngabo; itsho iNkosi uYehova.
-
11
|Ezequiel 39:11|
Kuya kuthi ngaloo mini, ndimnike uGogi indawo, apho liya kuba khona ingcwaba lakhe kwaSirayeli, umfula wabadluli ngasempumalanga elwandle; ubavalele abadluli; bamngcwabele khona uGogi nengxokolo yakhe yonke, bathi ngumfula wengxokolo kaGogi.
-
12
|Ezequiel 39:12|
Indlu kaSirayeli yoba neenyanga ezisixhenxe ibangcwaba, ukuze balihlambulule ilizwe;
-
13
|Ezequiel 39:13|
bonke abantu belizwe eli bangcwabe, kube ludumo kubo mini ndizizukisayo; itsho iNkosi uYehova.
-
14
|Ezequiel 39:14|
Baya kubalula amadoda anomonde acandacanda elizweni, nahamba nalawo acandacandayo, angcwabe abaseleyo ebusweni belizwe, ukuba alihlambulule. Ekupheleni kweenyanga ezisixhenxe aya kuligocagoca.
-
15
|Ezequiel 39:15|
Baya kucanda abacandacanda elizweni, babone ithambo lomntu, bamise umthelekelelo ecaleni kwalo, bade abangcwabi abo balingcwabe emfuleni wengxokolo kaGogi.
-
16
|Ezequiel 39:16|
Igama lomzi okhona liya kuba nguNgxokolo; balihlambulule ke ilizwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7