-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
20
|Ezequiel 38:20|
Ziya kunyikima phambi kwam iintlanzi zolwandle, neentaka zezulu, namarhamncwa asendle, nezinambuzane zonke ezinambuzelayo emhlabeni, nabantu bonke abasebusweni bomhlaba, zigungxulwe iintaba, iwe imixawuka, zonke iindonga ziwe emhlabeni.
-
21
|Ezequiel 38:21|
Ndombizela ikrele ezintabeni zam zonke, itsho iNkosi uYehova; ikrele lomntu liya kuma kumzalwana wakhe.
-
22
|Ezequiel 38:22|
Ndiya kumgweba ngendyikitya yokufa nangegazi; nangesiphango esikhukulayo, nangamatye esichotho, umlilo nesulfure ndiwunise phezu kwakhe, naphezu kwamahlelo akhe, naphezu kwezizwe ezininzi ezinaye.
-
23
|Ezequiel 38:23|
Ndiya kuzikhulisa, ndizingcwalise, ndizazise ngokwam emehlweni eentlanga ezininzi; zazi ukuba ndinguYehova.
-
1
|Ezequiel 39:1|
Wena ke, nyana womntu, profeta ngoGogi, uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile, Gogi, sikhulu sakwaRoshe noMesheki noTubhali.
-
2
|Ezequiel 39:2|
Ndiya kukuphambanisa, ndikurhole, ndikunyuse uphume ezingontsini zasentla, ndikuse ezintabeni zakwaSirayeli.
-
3
|Ezequiel 39:3|
Ndosithi qhwithi isaphetha sakho esandleni sakho sokhohlo, ndiziwise iintolo zakho esandleni sakho sokunene.
-
4
|Ezequiel 39:4|
Uya kuwa ezintabeni zakwaSirayeli, wena namahlelo akho onke, nezizwe ezinawe. Ndiya kukunikela ezintakeni ezixwilayo zeentlobo ngeentlobo, nasemarhamncweni asendle, ukuba ube kukudla.
-
5
|Ezequiel 39:5|
Uya kuwa ebusweni belizwe, ngokuba ndithethile; itsho iNkosi uYehova.
-
6
|Ezequiel 39:6|
Nothumela umlilo kwaMagogi, nakubemi beziqithi abakholosileyo; bazi ukuba ndinguYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3