-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
28
|Ezequiel 37:28|
zazi iintlanga ukuba ndinguYehova ongcwalise amaSirayeli, xa ingcwele yam iya kubakho phakathi kwabo ngonaphakade.
-
1
|Ezequiel 38:1|
Ke kaloku, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
2
|Ezequiel 38:2|
Nyana womntu, bubhekise ubuso bakho kuGogi wasezweni lakwaMagogi, isikhulu sakwaRoshe noMesheki noTubhali, uprofete ngaye.
-
3
|Ezequiel 38:3|
Yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile, Gogi, sikhulu sakwaRoshe noMesheki noTubhali.
-
4
|Ezequiel 38:4|
Ndiya kukuphambanisa, ndikufake amakhonkco emihlathini, ndikurhole nempi yakho yonke, amahashe nabamahashe, abaxhobe baphelelisela bonke bephela, ibandla elikhulu, benamakhaka neengweletshetshe, bephethe amakrele bonke bephela:
-
5
|Ezequiel 38:5|
benamaPersi namaKushi namaPuti, onke ephela eneengweletshetshe nezigcina-ntloko;
-
6
|Ezequiel 38:6|
uGomere namahlelo akhe onke, nendlu kaTogarma ezingontsini zasentla, inamahlelo akhe onke; izizwe ezininzi zinawe.
-
7
|Ezequiel 38:7|
Lunga, uzilungisele iinto zonke, wena nebandla lakho lonke, elibizelwe ndawonye kuwe, ube ngumgcini walo.
-
8
|Ezequiel 38:8|
Emva kwemihla emininzi uya kuvelelwa; ekupheleni kweminyaka leyo uya kufika elizweni elibuyisiweyo ekreleni, libuthiwe ezizweni ezininzi; ufike ezintabeni zakwaSirayeli ezahlala zibharhile. Lona likhutshwe ezizweni, baza bahlala bekholosile bonke bephela.
-
9
|Ezequiel 38:9|
Uya kunyuka uze njengesiphango, njengelifu ukulisibekela ilizwe, wena namahlelo akho onke, nezizwe ezininzi ezinawe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10