-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
38
|Ezequiel 40:38|
Igumbi nomnyango walo lalingasezintsikeni zamasango; bebewahlamba khona amadini anyukayo.
-
39
|Ezequiel 40:39|
Evarandeni yesango bekukho iitafile ezimbini ngapha, iitafile ezimbini nangapha, zokuxhelela amadini anyukayo, nawesono, nawetyala.
-
40
|Ezequiel 40:40|
Ecaleni elingaphandle, konyukayo esiya ekungeneni kwesango ngasentla, bekukho iitafile ezimbini; nakwelinye icala ngasevarandeni yesango bekukho iitafile ezimbini.
-
41
|Ezequiel 40:41|
Kwabakho iitafile ezine ngapha, iitafile ezine nangapha, ecaleni lesango; ziitafile ezisibhozo, zokuxhelela kuzo.
-
42
|Ezequiel 40:42|
Kananjalo bekukho neetafile ezine ngasezinyukweni zamatye aqingqiweyo, aba yikubhite enye enesiqingatha ubude, ikubhite enye enesiqingatha ububanzi, ikubhite enye ukuphakama, ukuze babeke kuzo iimpahla zokuxhela amadini anyukayo nemibingelelo.
-
43
|Ezequiel 40:43|
Amabhaxa angangobubanzi besandla, abe eqiniselweendlwini, ajikeleza ngeenxa zonke; yaye isezitafileni inyama yomsondezo.
-
44
|Ezequiel 40:44|
Ngaphandle kwesango eliphakathi bekukho amagumbi amabini entendelezweni ephakathi; elinye lingasecaleni lesango lasentla, libheke ezantsi, elinye lingasecaleni lesango lasezantsi, libheke entla.
-
45
|Ezequiel 40:45|
Wathi kum, Eli gumbi, libheke ezantsi, lelababingeleli abagcina isigxina sendlu le.
-
46
|Ezequiel 40:46|
Igumbi elibheke entla lelababingeleli abagcina isigcina sesibingelelo. Bona bangoonyana bakaTsadoki, koonyana bakaLevi, abasondelayo kuYehova ukuba balungiselele kuye.
-
47
|Ezequiel 40:47|
Wayilinganisa intendelezo; zaba ziikubhite ezilikhulu ubude, zaba ziikubhite ezilikhulu nobubanzi; imbombo-ne; isibingelelo ke besiphambi kwayo indlu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7