-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|Ezequiel 41:19|
yabubuso bomntu obubheke esundwini ngapha, yabubuso bengonyama obubheke esundwini ngapha. Kwaye kwenjiwe njalo endlwini yonke, kwajikeleza ngeenxa zonke.
-
20
|Ezequiel 41:20|
Zenziwa zathabathela emhlabeni zesa phezu kweminyango, iikerubhi namasundu, eludongeni ke lwetempile.
-
21
|Ezequiel 41:21|
Itempile, imigubasi yayo ibe imbombo-ne; nobuso bengcwele, imbonakalo yabo yabonakala ikwanjalo.
-
22
|Ezequiel 41:22|
Isibingelelo sasingumthi, ukubhite-ntathu ukuphakama, buziikubhite-mbini ubude baso; besineembombo zaso nommiso waso, namacala aso engumthi. Wathi kum, Le yitafile ephambi koYehova.
-
23
|Ezequiel 41:23|
Bezimbini iingcango zetempile nezengcwele.
-
24
|Ezequiel 41:24|
Bezingambini iingcango kwiminyango leyo, ziziingcango ezijingayo zombini, zimbini komnye umnyango, zimbini iingcango nakomnye.
-
25
|Ezequiel 41:25|
Kwaye kwenziwe kuzo, kwiingcango ezo zetempile, iikerubhi namasundu, kunjengoko bekwenziwe ngako ezindongeni. Kwaye kukho isinyuko somthi phambi kwevaranda ngaphandle.
-
26
|Ezequiel 41:26|
Iifestile ezivaliweyo namasundu zazingapha nangapha, emacaleni evaranda, nasemagumbini endawo yokwayama kuyo indlu, nezinyuko.
-
1
|Ezequiel 42:1|
Waphuma nam, waya entendelezweni engaphandle ngendlela esinga ngentla, wandisa emagumbini amalunga nendawo le iqhiwukileyo, amalunga nesakhiwo eso, akhangele entla.
-
2
|Ezequiel 42:2|
Phambi kwecala elibude buziikubhite ezilikhulu, elimnyango ungasentla, ububanzi baba ziikubhite ezimashumi mahlanu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7