-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Ezequiel 41:9|
Ububanzi bodonga, ebe inabo indawo yokwayama ngaphandle, bebuziikubhite ezintlanu; yaba kwanjalo indawo eshiyekileyo endlwini enamagumbi endawo yokwayama ekule ndlu.
-
10
|Ezequiel 41:10|
Phakathi kwamagumbi ibe ibububanzi beekubhite ezimashumi mabini obujikelezileyo, bayijikeleza indlu ngeenxa zonke.
-
11
|Ezequiel 41:11|
Iminyango yendawo yokwayama yayikhangele endaweni eshiyekileyo; omnye umnyango ukhangele ngentla, omnye umnyango ukhangele ngezantsi; ububanzi bendawo eshiyekileyo bebuziikubhite ezintlanu, bajikeleza ngeenxa zonke.
-
12
|Ezequiel 41:12|
Isakhiwo esibe siphambi kwendawo eqhiwukileyo, sasiziikubhite ezimashumi asixhenxe ububanzi baso ngecala elisingise entshonalanga; udonga lwesakhiwo eso lwaluziikubhite ezintlanu ububanzi balo; lwajikeleza ngeenxa zonke, nobude baso baba ziikubhite ezimashumi asithoba.
-
13
|Ezequiel 41:13|
Wayilinganisa ke indlu leyo, yaba ziikubhite ezilikhulu ubude; indawo eqhiwukileyo, nesakhiwo sayo, neendonga zaso, zaba ziikubhite ezilikhulu ubude.
-
14
|Ezequiel 41:14|
Ububanzi bobuso bayo indlu, nobendawo eqhiwukileyo ekhangele empumalanga baba ziikubhite ezilikhulu.
-
15
|Ezequiel 41:15|
Wabulinganisa ke ubude besakhiwo esibe siphambi kwendawo eqhiwukileyo, ebe singasemva kwayo, neegalari zaso ngapha nangapha, iikubhite zaba likhulu; nendawo engcwele yangaphakathi, neevaranda zentendelezo.
-
16
|Ezequiel 41:16|
Imibundu leyo yeminyango, neefestile ezo zivaliweyo, neegalari ezo zijikelezileyo ezindidini zazo zontathu (malunga nemibundu yeminyango kukho amaceba emithi, ejikelezile ngeenxa zonke; nomhlaba ude wema ngeefestile, iifestile ke zigutyungelwe),
-
17
|Ezequiel 41:17|
naphezu kweminyango, kwada kwasendlwini ngaphakathi nangaphandle, naseludongeni lonke, kwajikeleza ngeenxa zonke, ngaphakathi nangaphandle, kwaba yimilinganiso.
-
18
|Ezequiel 41:18|
Kwaye kwenziwe iikerubhi namasundu; yalisundu phakathi kwekerubhi nekerubhi; ikerubhi yanobuso obubini;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7