-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Ezequiel 42:3|
Malunga neekubhite ezimashumi mabini zentendelezo engaphakathi, malunga nombekelelo wamatye osentendelezweni engaphandle, yaba yigalari isinge egalarini eludidini lwesithathu.
-
4
|Ezequiel 42:4|
Phambi kwamagumbi kwakukho indawo yokuhamba, ububanzi bayo buziikubhite ezilishumi; kukho indlela eziikubhite zilikhulu, ebheka phakathi; iminyango yazo ke ibheka ngentla.
-
5
|Ezequiel 42:5|
Ke amagumbi aphezulu ebemafuphi kunawaphantsi, kunaphakathi esakhiweni; ngokuba iigalari zawadlela.
-
6
|Ezequiel 42:6|
Ngokuba ebendidi ntathu wona, engenazintsika, njengokuba iintendelezo zineentsika: ngenxa yoko kwarhoxiswa kwala angaphantsi kwanala aphakathi esikhundleni sawo.
-
7
|Ezequiel 42:7|
Ke udonga olwalungaphandle, lulungelelene namagumbi, lwasinga entendelezweni engaphandle phambi kwamagumbi la; ubude balo babuziikubhite ezimashumi mahlanu.
-
8
|Ezequiel 42:8|
Ngokuba ubude bamagumbi entendelezo engaphandle baba ziikubhite ezimashumi mahlanu; kodwa ke phambi kwetempile baba ziikubhite ezilikhulu.
-
9
|Ezequiel 42:9|
Ngaphantsi kwala magumbi, ukungena bekuvelwa ngasempumalanga ekuyiweni kuwo, kuvelwa entendelezweni engaphandle.
-
10
|Ezequiel 42:10|
Ebubanzini bodonga lwentendelezo, kusingise empumalanga, phambi kwendawo eqhiwukileyo naphambi kwesakhiwo, bekukho amagumbi.
-
11
|Ezequiel 42:11|
Ayenendlela phambi kwawo, ebonakala enjengamagumbi asingise entla; ngobude bawo, aba njalo nangobubanzi bawo, aba njalo nangokuphuma kwawo konke, aba njalo nangamasiko awo.
-
12
|Ezequiel 42:12|
Njengoko injalo iminyango yawo lawo, injalo neminyango yamagumbi abe ekhangele ngezantsi; kwakukho umnyango emantloko endlela, endlela emalunga nodonga olulungelelene namagumbi la, endlela evela ngasempumalanga ekuyiweni kuwo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7