-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
13
|Ezequiel 43:13|
Yiyo le imilinganiso yesibingelelo ngokweekubhite (ikubhite yikubhite nobubanzi besandla): umzantsi waso woba yikubhite, ube yikubhite ububanzi; ulungqu lwawo eludinini lwawo ngeenxa zonke lwalungangomoluko omnye weminwe. Lulo olo ufundo lwesibingelelo esi.
-
14
|Ezequiel 43:14|
Kuthabathela emzantsini osemhlabeni, kude kuse emacaleni aphantsi, koba ziikubhite ezimbini ukuphakama, nobubanzi bube yikubhite enye; kuthabathela emacaleni lawo amafutshane, kude kuse emacaleni amade, koba ziikubhite ezine ukuphakama, nobubanzi bube yikubhite enye.
-
15
|Ezequiel 43:15|
Intaba kaThixo yoba ziikubhite ezine; zothabathela ezikweni likaThixo, zinyuse iimpondo ezine.
-
16
|Ezequiel 43:16|
Iziko likaThixo loba ziikubhite ezilishumi elinambini ubude balo, ishumi elinambini ububanzi balo; loba mbombo ne ngokwamacala alo omane.
-
17
|Ezequiel 43:17|
Amacala oba ziikubhite ezilishumi elinane ubude bawo, neshumi elinane ububanzi, ngokwamacala awo omane; nolungqu ngeenxa zonke kuwo lube sisiqingatha sekubhite; umzantsi wawo ube yikubhite enye ngeenxa zonke; nezinyuko zawo mazikhangele empumalanga.
-
18
|Ezequiel 43:18|
Wathi kum, Nyana womntu, itsho iNkosi uYehova, ukuthi, Yiyo le imimiselo yesibingelelo ngemini yokwenziwa kwaso, ukuba kunyuswe phezu kwaso amadini anyukayo, kutshizwe ngegazi kuso.
-
19
|Ezequiel 43:19|
Uya kubanika ababingeleli, abaLevi abangabembewu kaTsadoki, abasondelayo kum, itsho iNkosi uYehova, ukuba balungiselele kum inkunzi entsha, ithole lenkomo, libe lidini lesono.
-
20
|Ezequiel 43:20|
Wothabatha egazini layo, uliqabe ezimpondweni zaso zone, nasezimbombeni zone zamacala, naseludinini ngeenxa zonke; usenze nyulu, usicamagushele;
-
21
|Ezequiel 43:21|
uyithabathe inkunzi entsha yedini lesono, bayitshise endaweni emisiweyo yayo indlu, ngaphandle kwengcwele.
-
22
|Ezequiel 43:22|
Ngomhla wesibini wosondeza inkunzi yebhokhwe exhonti egqibeleleyo, ibe lidini lesono; basenze nyulu isibingelelo, njengoko senziwa nyulu ngenkunzi entsha.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7