-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
16
|Ezequiel 44:16|
Bongena bona engcweleni yam, basondele bona esithebeni sam, ukuba bandilungiselele, bagcine isigxina sam.
-
17
|Ezequiel 44:17|
Kothi, ekungeneni kwabo ngamasango entendelezo ephakathi, bambathe iingubo zelinen; kungabikho nto yoboya kubo ekulungiseleleni kwabo emasangweni entendelezo ephakathi, naxa bakuyo indlu.
-
18
|Ezequiel 44:18|
Zoba ziinkontsho zelinen ezintlokweni zabo, ibe ziibhulukhwe zelinen ezinqeni zabo; abayi kubhinqa, bazibilise.
-
19
|Ezequiel 44:19|
Bothi, ekuphumeni kwabo, besinga entendelezweni engaphandle, entendelezweni engaphandle besiya ebantwini, bazihlube iingubo zabo ababelungiselela benazo, bezibeke emagumbini angcwele, bambathe ngubo zimbi, bangabangcwalisi abantu ngeengubo zabo.
-
20
|Ezequiel 44:20|
Mabangazichebi iintloko, bangaziyeki iinwele zabo zibe ngamayakayaka; bozinquthula iintloko.
-
21
|Ezequiel 44:21|
Mabangaseli wayini bonke ababingeleli ekungeneni kwabo entendelezweni ephakathi.
-
22
|Ezequiel 44:22|
Umhlolokazi nomfazi owaliweyo mabangabazeki babe ngabafazi babo; bozeka iintombi eziziintombi kwimbewu yendlu kaSirayeli, kwanomhlolokazi othe waba ngumhlolokazi wombingeleli.
-
23
|Ezequiel 44:23|
Bobayala abantu bam, ukuba bahlule okungcwele kokuhlambeleyo, babazise okuyinqambi nokuhlambulukileyo.
-
24
|Ezequiel 44:24|
Ekubambaneni kwabantu mabeme bona, bagwebe ngokwamasiko am, bagcine imiyalelo yam nemimiselo yam ngamaxesha am onke amisiweyo, bazingcwalise iisabatha zam.
-
25
|Ezequiel 44:25|
Mabangayi emntwini ofileyo, bazenze iinqambi; kungaba kungoyise, nonina, nonyana, nentombi yabo, nomzalwana, nodade wabo ongabanga nandoda, abangazenza iinqambi ngabo, bona bodwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Proverbios 16-19