-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
15
|Ezequiel 45:15|
Norhuma ixhwane libe linye empahleni emfutshane engamakhulu amabini, yasemakriweni anamanzi akwaSirayeli, ibe yeyomnikelo wokudla, neyedini elinyukayo, neyemibingelelo yoxolo, ukuba bacanyagushelwe; itsho iNkosi uYehova.
-
16
|Ezequiel 45:16|
Bonke abantu belizwe eli bosirhumela lo mrhumo isikhulu sakwaSirayeli.
-
17
|Ezequiel 45:17|
Orholwa sisikhulu amadini anyukayo, nomnikelo wokudla, nothululwayo, emithendelekweni nasekuthwaseni kwenyanga, nasezisabatheni, nasemaxesheni amisiweyo endlu kaSirayeli. Lolungiselelwa siso idini lesono, nomnikelo wokudla, nedini elinyukayo, nemibingelelo yoxolo, ukuze icanyagushelwe indlu kaSirayeli.
-
18
|Ezequiel 45:18|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenyanga yokuqala, ngolokuqala enyangeni leyo, wothabatha inkunzi entsha, ithole lenkomo eligqibeleleyo, uyihlambulule ingcwele ngedini lesono.
-
19
|Ezequiel 45:19|
Umbingeleli wothabatha egazini ledini lesono elo, aliqabe emigubasini yendlu le, nasezimbombeni zone zamacala esibingelelo, nasemigubasini yesango lentendelezo ephakathi.
-
20
|Ezequiel 45:20|
Uya kwenjenjalo nangolwesixhenxe enyangeni leyo, ngenxa yomntu olahlekayo, nangenxa yosisiyatha, niyicamagushele indlu le.
-
21
|Ezequiel 45:21|
Ngeyokuqala inyanga, ngosuku lweshumi elinesine enyangeni leyo, noba nepasika, umthendeleko weentsuku ezisixhenxe; kodliwa izonka ezingenagwele.
-
22
|Ezequiel 45:22|
Ngaloo mini isikhulu, ngenxa yaso nangenxa yabantu bonke belizwe eli, solungiselela inkunzi entsha yenkomo, ibe lidini lesono.
-
23
|Ezequiel 45:23|
Iintsuku ezisixhenxe zomthendeleko somenzela uYehova idini elinyukayo; iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe zisixhenxe, neenkunzi zeegusha ezigqibeleleyo zibe zisixhenxe ngemini, ngeentsuku zosixhenxe; nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe lidini lesono ngemini.
-
24
|Ezequiel 45:24|
Solungiselela umnikelo wokudla, iefa enkunzini entsha, iefa enkunzini yegusha, ihin yeoli kuyo iefa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7