-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
20
|Ezequiel 46:20|
Wathi kum, Le yindawo apho ababingeleli bophekela khona idini letyala, nedini lesono. Bosela khona umnikelo wokudla, ukuze bangaphumi nawo, baye entendelezweni engaphandle, ukuba bangcwalise abantu.
-
21
|Ezequiel 46:21|
Waphuma waya nam entendelezweni engaphandle, wandidlulisa emagumbini omane entendelezo; nanko, kukho intendelezo emagumbini onke entendelezo, iyintendelezo egumbini lentendelezo.
-
22
|Ezequiel 46:22|
Emagumbini omane ayo intendelezo ibe izintendelezo ezivaliweyo: ubude buziikubhite ezimashumi mane, ububanzi buziikubhite ezimashumi mathathu, umlinganiso umnye kuloo magumbi omane.
-
23
|Ezequiel 46:23|
Bekukho ucamba lwezakhiwo olujikelezileyo kuzo, lujikelezile kuzo zone; kukho amaziko okupheka, enziwe ngaphantsi kweengcamba ngeenxa zonke.
-
24
|Ezequiel 46:24|
Wathi kum, Ezi zizindlu zokupheka, apho abalungiseleli bayo indlu baphekela khona umbingelelo wabantu.
-
1
|Ezequiel 47:1|
Wandibuyisela emnyango wayo indlu; nanko, kuphuma amanzi ngaphantsi kombundu womnyango wendlu leyo, esinga ngasempumalanga; ngokuba ubuso bayo indlu bebungasempumalanga. Amana esihla amanzi, evela ngaphantsi, ecaleni lokunene kwindlu leyo, ngasezantsi kwesibingelelo.
-
2
|Ezequiel 47:2|
Waphuma nam ngendlela yesango langasentla, wandijikelezisa ngendlela engaphandle, wandisa esangweni elingaphandle, ngendlela yelibheke empumalanga; nango, amanzi equkuqela, evela ecaleni lokunene lesango.
-
3
|Ezequiel 47:3|
Ekuphumeni komntu obephethe ulutya lokulinganisa ngesandla, esiya ngasempumalanga, walinganisa iwaka leekubhite; wandiweza emanzini, amanzi abetha emaqatheni.
-
4
|Ezequiel 47:4|
Walinganisa iwaka, wandiweza emanzini, amanzi abetha emadolweni. Walinganisa iwaka, wandiweza emanzini, amanzi abetha esinqeni.
-
5
|Ezequiel 47:5|
Walinganisa iwaka, aba ngumlambo endingenakuwuwela; ngokuba amanzi ahamba phezulu, amanzi aba ngawokudadwa, umlambo ongenakuwelwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7