-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Ezequiel 48:3|
Ngasemdeni ke ka-Ashere, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uNafetali, libe linye.
-
4
|Ezequiel 48:4|
Ngasemdeni kaNafetali, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uManase, libe linye.
-
5
|Ezequiel 48:5|
Ngasemdeni kaManase, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uEfrayim, libe linye.
-
6
|Ezequiel 48:6|
Ngasemdeni kaEfrayim, kuthabathele ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uRubhen, libe linye.
-
7
|Ezequiel 48:7|
Ngasemdeni kaRubhen, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uYuda, libe linye.
-
8
|Ezequiel 48:8|
Ngasemdeni kaYuda, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga, yoba ngumrhumo eniya kuwurhuma; ube ngamawaka angamashumi amabini anamahlanu eengcongolo ububanzi, ubude ke bube njengobesinye isahlulo, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kude kuye ecaleni lasentshonalanga; ingcwele isesazulwini sawo.
-
9
|Ezequiel 48:9|
Umrhumo eniya kuwurhumela uYehova woba ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, ube ngamawaka alishumi ububanzi.
-
10
|Ezequiel 48:10|
Woba ngowaba umrhumo ongcwele: ngowababingeleli; ngasentla ube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, ngasentshonalanga ube lishumi lamawaka ububanzi, ngasempumalanga ube lishumi lamawaka ububanzi, ngasezantsi ube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude; ingcwele kaYehova yoba sesazulwini sawo.
-
11
|Ezequiel 48:11|
Ababingeleli abangcwalisiweyo koonyana bakaTsadoki, abasigcinayo isigxina sam, abangandwendwanga ekundwendweni koonyana bakaSirayeli, njengoko bandwendwayo abaLevi,
-
12
|Ezequiel 48:12|
woba ngowabo umrhumo emrhumeni welizwe; uyingcwele kangcwele ngasemdeni wabakaLevi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21