-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
16
|Ezequiel 47:16|
eHamati, naseBherota, naseSibrayim, ephakathi komda waseDamasko nomda waseHamati, naseHatsere ephakathi, esemdeni waseHawuran.
-
17
|Ezequiel 47:17|
Umda uthabathela elwandle, ume ngeHatsare-enon, umda waseDamasko; owasentla ngasentla umda waseHamati. Licala lasentla ke elo.
-
18
|Ezequiel 47:18|
Icala langasempumalanga, phakathi kweHawuran neDamasko neGiliyadi nelizwe lakwaSirayeli, yiYordan; nothabathela emdeni lowa, nise phezu kolwandle lwangasempumalanga ukulinganisa. Licala lasempumalanga ke elo.
-
19
|Ezequiel 47:19|
Icala lasezantsi ngasezantsi lothabathela kwaTamare, lise emanzini embambano aseKadeshe, lihambe ngomlambo, lise kulo ulwandle olukhulu. Licala lasezantsi ngasezantsi ke elo.
-
20
|Ezequiel 47:20|
Icala lasentshonalanga lulwandle olukhulu, luthabathela emdeni lowo, lude lulunge nokuya eHamati. Licala lasentshonalanga ke elo.
-
21
|Ezequiel 47:21|
Nozabela ke eli lizwe ngokwezizwe zakwaSirayeli.
-
22
|Ezequiel 47:22|
Kothi ke nilabe ngamaqashiso, libe lilifa kuni, nakubasemzini, abaphambukela kuni, abazele oonyana phakathi kwenu. Kuni boba njengabazalelwe kuloo ndawo abaphakathi koonyana bakaSirayeli; bolamkela ngamaqashiso ilifa phakathi kwezizwe zakwaSirayeli kunye nani.
-
23
|Ezequiel 47:23|
Kuya kuthi, esizweni aphambukele kuso owasemzini, nimnike ilifa lakhe apho; itsho iNkosi uYehova.
-
1
|Ezequiel 48:1|
Ngawo la amagama ezizwe ezo, ethabathela ekupheleni ngentla, ehamba ecaleni kwendlela yaseHetelon, ukuya eHamati, naseHatsare-enon, umda waseDamasko, ngasentla ecaleni laseHamati, libe lelakhe icala lasempumalanga nelasentshonalanga: uDan woba necandelo elinye.
-
2
|Ezequiel 48:2|
Ngasemdeni ke kaDan, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uAshere, libe linye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21