-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Ezequiel 43:3|
Imbonakalo ke endayibonayo, ukubonakala kwayo, yayinjengembonakalo leya, ndayibonayo ukuya kuwonakalisa kwam umzi; kwakukho neembonakalo ezinjengeembonakalo endazibonayo emlanjeni oyiKebhare; ndawa ke ngobuso.
-
4
|Ezequiel 43:4|
Ubuqaqawuli bukaYehova beza endlwini ngendlela yesango elibheke empumalanga.
-
5
|Ezequiel 43:5|
UMoya wandifukula, wandisa entendelezweni ephakathi; nabo ke ubuqaqawuli bukaYehova, buyizalisile indlu le.
-
6
|Ezequiel 43:6|
Ndeva othetha kum esendlwini le; kwabakho ke umntu omi ecaleni kwam.
-
7
|Ezequiel 43:7|
Wathi kum, Nyana womntu, khangela indawo yetrone yam, indawo yomphantsi weenyawo zam, apho ndiya kuhlala khona phakathi koonyana bakaSirayeli ngonaphakade; ingabi salenza inqambi igama lam elingcwele indlu kaSirayeli, bona nookumkani babo, ngobuhenyu babo, nangezidumbu zookumkani babo ezigangeni zabo;
-
8
|Ezequiel 43:8|
ekumiseni kwabo umbundu womnyango wabo ngasembundwini womnyango wam, nemigubasi yabo ecaleni lemigubasi yam, iludonga lodwa phakathi kwam nabo; belenze inqambi ke igama lam elingcwele, ngamasikizi abo abawenzayo. Ndabagqibela ke ngomsindo wam.
-
9
|Ezequiel 43:9|
Ngoku ke mabakhwelelise kum ubuhenyu babo, nezidumbu zookumkani babo, ndihlale phakathi kwabo ngonaphakade.
-
10
|Ezequiel 43:10|
Wena ke, nyana womntu, indlu kaSirayeli yixelele le ndlu, beve ihlazo ngenxa yobugwenxa babo, basilinganise isakhiwo esilinganiselweyo ngokuhle.
-
11
|Ezequiel 43:11|
Ukuba bathe baliva ihlazo ngenxa yezinto zonke abazenzileyo, bazise ukumeka kwendlu le nokuqulunqwa kwayo, iziphumo zayo nezingeno zayo, iimeko zayo zonke nemimiselo yayo yonke, iimeko zayo zonke nemiyalelo yayo yonke, uyibhale emehlweni abo; bakugcine konke ukuma kwayo, nemimiselo yayo yonke, bayenze.
-
12
|Ezequiel 43:12|
Nguwo lo umyalelo wayo indlu: encotsheni yentaba, wonke umda wayo, ojikelezileyo ngeenxa zonke, uyingcwele kangcwele. Yabona, nguwo lo umyalelo wayo indlu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7