-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
18
|Ezequiel 7:18|
babhinqe ezirhwexayo, bagutyungelwe kukududuzela, ebusweni bonke ibe kukudana, iintloko zabo zonke zibe ziinkqayi.
-
19
|Ezequiel 7:19|
Isilivere yabo baya kuyiphosa ezitratweni, negolide yabo ibe yinto engcolileyo kubo. Isilivere yabo negolide yabo ayiyi kuba nako ukubahlangula ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova; abayi kuwuhluthisa ngayo umphefumlo wabo, nombilini wabo bangawuzalisi ngayo; ngokuba yaba sisikhubekiso sokuba babe gwenxa.
-
20
|Ezequiel 7:20|
Isivatho sabo esinobukhazikhazi basimisela ikratshi, benza ngaso imifanekiso yabo engamasikizi, enezothe; ngenxa yoko ndiyenze yayinto engcolileyo kubo.
-
21
|Ezequiel 7:21|
Ndiya kuyinikela esandleni sabasemzini ukuba iphangwe, nakwabangendawo behlabathi ibe lixhoba, bayihlambele;
-
22
|Ezequiel 7:22|
ndibususe ubuso bam kubo, bayihlambele ingqwebo yam; bafike abatyhobozi, bayihlambele.
-
23
|Ezequiel 7:23|
Yenza umxokelelwane, ngokuba ilizwe liliphalaza igazi elimsulwa, nomzi uzele lugonyamelo.
-
24
|Ezequiel 7:24|
Ndozisa abanobubi basezintlangeni, bazihluthe izindlu zabo, ndiliphelise ikratshi labanamandla, zihlanjelwe iingcwele zabo.
-
25
|Ezequiel 7:25|
Kuyafika ukuxhalaba; bafuna uxolo, alukho.
-
26
|Ezequiel 7:26|
Kuza umeyeliselo phezu komeyeliselo, kubekho udaba phezu kodaba, bafune umbono kumprofeti, ke umyalelo utshabalale ungabikho kumbingeleli, neqhinga kumadoda amakhulu.
-
27
|Ezequiel 7:27|
Ukumkani uya kwenza isijwili, nesikhulu sambathe ummangaliso, ziyekelele izandla zabantu belizwe eli. Ndiya kwenza kubo ngokwendlela yabo, ndibagwebe ngokwezigwebo zabo; bazi ukuba ndinguYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19