-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
12
|Ezequiel 6:12|
Okude uya kufa yindyikitya yokufa, okufuphi awe likrele, nosale walondolozwa afe yindlala; ndibuphelelisele kubo ubushushu bam.
-
13
|Ezequiel 6:13|
Niya kwazi ukuba ndinguYehova, bakuba ababuleweyo benu bephakathi kwezigodo zenu ngeenxa zonke ezibingelelweni zenu, ezindulini zonke eziphakamileyo, ezincotsheni zonke zeentaba, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, naphantsi kwemiterebhinti ethe shinyi, ezindaweni ababenikela kuzo ivumba elithozamisayo kwizigodo zabo zonke.
-
14
|Ezequiel 6:14|
Ndosolula isandla sam phezu kwabo; ndilenze ilizwe kube senkangala yakwankangala, ngaphezu kwentlango yakwaDibhelata, ezindaweni zonke zokuhlala kwabo; bazi ukuba ndinguYehova.
-
1
|Ezequiel 7:1|
Kananjalo kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
2
|Ezequiel 7:2|
Wena, wena ke nyana womntu, itsho iNkosi uYehova kumhlaba wakwaSirayeli ukuthi, Isiphelo, isiphelo siwafikele amasondo omane elizwe.
-
3
|Ezequiel 7:3|
Kaloku isiphelo sikufikele; ndiya kuwukhuphela umsindo wam kuwe, ndikugwebe ngokweendlela zakho, ndiwabeke phezu kwakho amasikizi akho onke.
-
4
|Ezequiel 7:4|
Aliyi kuba nanceba kuwe iliso lam, ndingakucongi; ke ndiya kukuzisela iindlela zakho, abe sesazulwini sakho amasikizi akho; nazi ukuba ndinguYehova.
-
5
|Ezequiel 7:5|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ububi, ububi obubodwa; yabonani, buyeza.
-
6
|Ezequiel 7:6|
Kuza isiphelo, isiphelo sona siyeza, sikuvukele wena; yabona siyeza.
-
7
|Ezequiel 7:7|
Uyakuzela umjojo, mmi welizwe eli; liyeza ixesha, isondele imini; kusisaqunge, akungamayeyeye emihlali ezintabeni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19