-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
16
|Ezequiel 4:16|
Wathi kum, Nyana womntu, yabona, ndiya kuwaphula umsimelelo osisonka eYerusalem, basidle isonka ngomlinganiselo, benesithukuthezi; bawasele amanzi ngomlinganiselo, bemangalisiwe;
-
17
|Ezequiel 4:17|
ukuze baswele isonka namanzi, bamangalisane, bangcungcutheke ebugwenxeni babo.
-
1
|Ezequiel 5:1|
Wena ke, nyana womntu, thabatha ikrele elibukhali, libe sisitshetshe sokuguya, ulihambise entlokweni yakho nasesilevini sakho, uthabathe isikali sokulinganisela, uzahlule iinwele.
-
2
|Ezequiel 5:2|
Esinye isahlulo sesithathu uze usitshise ngomlilo esazulwini somzi, zakuzaliseka iintsuku zongqingo; uthabathe nesinye isahlulo sesithathu, uxabele ngekrele ngeenxa zonke kuso; nesinye isahlulo sesithathu usichithachithe emoyeni, ndirhole ikrele emva kwazo.
-
3
|Ezequiel 5:3|
Uze uthabathe kuzo zibe mbalwa, uzibophe esondweni lengubo yakho;
-
4
|Ezequiel 5:4|
ubuye uthabathe kuzo, uziphose emlilweni, uzitshise ngomlilo. Khona apho kuyo kuphuma umlilo, uye kuyo yonke indlu kaSirayeli.
-
5
|Ezequiel 5:5|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Le Yerusalem ndiyimise esazulwini seentlanga, amazwe angeenxa zonke kuyo.
-
6
|Ezequiel 5:6|
Ke iwaphikisile ngokungendawo amasiko am ngaphezu kweentlanga, nemimiselo yam ngaphezu kwamazwe angeenxa zonke kuyo; ngokuba bawacekisile amasiko am, abahamba ngemimiselo yam.
-
7
|Ezequiel 5:7|
Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba nangxola ngaphezu kweentlanga ebezingeenxa zonke kuni, anahamba ngemimiselo yam, anawenza amasiko am, anenza nangolwamasiko eentlanga ebezingeenxa zonke kuni:
-
8
|Ezequiel 5:8|
ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, mna, ewe mna, ndikuchasile; ndiya kwenza izigwebo esazulwini sakho emehlweni eentlanga;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7