-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Ezequiel 5:9|
ndenze kuwe endingazanga ndikwenze, endingayi kubuya ndikwenze okunjalo, ngenxa yamasikizi akho onke.
-
10
|Ezequiel 5:10|
Ngako oko ooyise baya kudla oonyana esazulwini sakho, oonyana badle ooyise; ndenze izigwebo, ndiwachithachithe onke amasalela akho emimoyeni yonke.
-
11
|Ezequiel 5:11|
Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndihleli nje, inyaniso, ngenxa enokuba ingcwele yam uyenze inqambi ngeento zakho zonke ezinezothe, nangamasikizi akho onke, nam ndiya kulisusa iliso lam, lingabi nanceba, ndingacongi nam.
-
12
|Ezequiel 5:12|
Isahlulo sesithathu kuwe siya kufa yindyikitya yokufa, siphele nayindlala esazulwini sakho; esinye isahlulo sesithathu siwe likrele ngeenxa zonke kuwe; esinye isahlulo sesithathu ndisichithachithe emimoyeni yonke, ndirhole ikrele emva kwabo.
-
13
|Ezequiel 5:13|
Wophelela ke kubo umsindo wam, ndibupholisele kubo ubushushu bam, ndithuthuzeleke; bazi ukuba mna Yehova ndithethe ndinekhwele, ekubuphleleliseleni ubushushu bam kubo.
-
14
|Ezequiel 5:14|
Phezu koko ndokwenza ube linxuwa nesingcikivo ezintlangeni ezingeenxa zonke kuwe, emehlweni abo bonke abadlulayo.
-
15
|Ezequiel 5:15|
Uya kuba sisingcikivo nesinyeliso, ube sisithethiso nommangaliso kwiintlanga ezingeenxa zonke kuwe, ekwenzeni kwam izigwebo kuwe ngomsindo nangobushushu, nangezohlwayo zobushushu; mna Yehova ndithethile:
-
16
|Ezequiel 5:16|
nasekuzithumeni kwam kuwe iintolo ezimbi zendlala, ezizezolonakaliso, endiya kuzithuma ukuze zinonakalise. Ndiya kuyandisa indlala phezu kwenu, ndiwaphule umsimelelo asisonka kuni;
-
17
|Ezequiel 5:17|
ndithume phezu kwenu indlala namarhamncwa, akuhluthe abantwana, ifikelele kuwe indyikitya yokufa negazi, ndikuzisele ikrele; mna Yehova ndithethile.
-
1
|Ezequiel 6:1|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10