-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Ezequiel 4:6|
Uya kuthi, wakuba uzifezile ezo, ulale okwesibini ngecala lakho lasekunene, ubuthwale ubugwenxa bendlu kaYuda iintsuku ezimashumi mane; ndikwenzela usuku lube ngumnyaka, usuku lube ngumnyaka.
-
7
|Ezequiel 4:7|
Uze ke ububhekise ubuso bakho elungqingweni lweYerusalem, ingalo yakho ihlutyiwe, uprofetele kuyo.
-
8
|Ezequiel 4:8|
Yabona, ndikufaka izintya, ukuze ungaguqukeli kwelinye icala, ude uzigqibe iintsuku zokungqinga kwakho.
-
9
|Ezequiel 4:9|
Wena ke, thabatha ingqolowa, nerhasi, neembotyi, neentlumayo, namazimba, nespelete, uzigalele ezo zinto sityeni sinye, uzenzele wena isonka; ngokwenani leentsuku olala ngecala lakho, uya kusidla iintsuku ezimakhulu mathathu anamanci asithoba.
-
10
|Ezequiel 4:10|
Ukudla kwakho oya kukudla koba ngokomlinganiselo, iishekele ezimashumi mabini ngosuku; uya kusidla amaxesha ngamaxesha.
-
11
|Ezequiel 4:11|
Namanzi wowasela ngomlinganiselo, isahlulo sesithandathu sehin; uya kusisela amaxesha ngamaxesha.
-
12
|Ezequiel 4:12|
Uya kusidla ngokwesonka esiliqebengwana serhasi, usoje emehlweni abo ngeengqatha eziphuma emntwini.
-
13
|Ezequiel 4:13|
Wathi uYehova, Oonyana bakaSirayeli baya kwenjenjalo ukusidla siyinqambi ezintlangeni, endiya kubagxothela kuzo.
-
14
|Ezequiel 4:14|
Ndathi, Awu! Nkosi Yehova! Yabona, umphefumlo wam awuzanga wenziwe inqambi; into ezifeleyo neqwengiweyo andizanga ndiyidle, kwasebuncinaneni bam unanamhla; akufikanga nyama iyimbozisa emlonyeni wam.
-
15
|Ezequiel 4:15|
Wathi kum, Uyabona, ndikunika amalongo enkomo esikhundleni seengqatha zomntu; soje kuwo isonka sakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10