-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Ezequiel 3:3|
wathi kum, Nyana womntu, dlisa isisu sakho, uzalise umbilini wakho ngaloo ncwadi isongwayo ndikunikayo. Ndayidla ke, yaba nencasa emlonyeni wam, njengobusi.
-
4
|Ezequiel 3:4|
Wathi kum, Nyana womntu, hamba uye kwindlu kaSirayeli, uthethe kubo ngamazwi am.
-
5
|Ezequiel 3:5|
Ngokuba akuthunyelwa kubantu abantetho inzulu, abalulwimi lunzima; uthunyelwa kwindlu kaSirayeli.
-
6
|Ezequiel 3:6|
Andikuthumeli kwizizwe ezininzi, ezintetho inzulu, ezilulwimi lunzima, ezimazwi ungaweviyo; ndikuthumele kuzo ezi zinokukuphulaphula zona.
-
7
|Ezequiel 3:7|
Ke indlu kaSirayeli ayiyi kuvuma ukukuphulaphula; ngokokuba abavumi ukundiphulaphula nam; kuba yonke indlu kaSirayeli ilukhuni ibunzi, igogotyile ngentliziyo.
-
8
|Ezequiel 3:8|
Yabona, ndibenza lukhuni ubuso bakho, kwanjengobuso babo; ibunzi lakho libe lukhuni, Kwanjengebunzi labo;
-
9
|Ezequiel 3:9|
ndilenza libe njengedayiman, elukhuni ngaphezu kweqhwitha, ibunzi lakho. Uze ungaboyiki, ungaqhiphuki umbilini phambi kwabo; ngokuba bayindlu eneenkani.
-
10
|Ezequiel 3:10|
Wathi kum, Nyana womntu, onke amazwi am endiya kuwathetha kuwe, wamkelele entliziyweni yakho, uweve ngeendlebe zakho;
-
11
|Ezequiel 3:11|
uhambe uye kubathinjwa, koonyana babantu bakowenu, uthethe kubo uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova; nokuba bathe beva, nokuba bathe bala.
-
12
|Ezequiel 3:12|
Wandifunqula uMoya, ndeva ngasemva kwam isandi sendudumo enkulu, sisithi, Mabubongwe ubuqaqawuli bukaYehova, endaweni yabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10