-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Ezequiel 1:21|
Zakuhamba, zahamba nazo; zakuma, zema nazo; zakusuka emhlabeni, zasuka iivili kunye nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo.
-
22
|Ezequiel 1:22|
Naphezu kweentloko zezinto eziphilileyo bekukho into efana nesibhakabhaka, ngathi ngembonakalo yikristale eyoyikekayo, sanekiwe phezu kwentloko yazo ngaphezulu.
-
23
|Ezequiel 1:23|
Ngaphantsi kwesibhakabhaka amaphiko ayethe tye, elo lasinga kwelo; iyileyo inamabini ayigubungeleyo, iyileyo inamabini ayigubungeleyo emzimbeni.
-
24
|Ezequiel 1:24|
Ndeva ke isandi samaphiko azo, sinjengesandi samanzi amaninzi, ngathi lilizwi loSomandla, ekuhambeni kwazo; izwi elinengxolo ngathi sisandi somkhosi; zakuma, zawayeka ehla amaphiko azo.
-
25
|Ezequiel 1:25|
Kwabakho ke izwi liphuma ngaphaya kwesibhakabhaka, esibe siphezu kweentloko zazo; zakuma, zawayeka ehla amaphiko azo.
-
26
|Ezequiel 1:26|
Ngaphezu kwesibhakabhaka esibe siphezu kweentloko zazo, kwabonakala umfanekiselo wetrone, wanga lilitye lesafire; ngaphezu komfanekiselo wetrone kwabakho umfanekiselo ongathi yimbonakalo yomntu phezu kwayo ngaphezulu.
-
27
|Ezequiel 1:27|
Ndabona ke, ngathi yimbonakalo yegolide evuthiweyo, ngathi yimbonakalo yomlilo, ngaphakathi kwayo nangeenxa zonke kuyo, kwathabathela embonakalweni yesinqe kwenyusa; kwathabathela embonakalweni yesinqe kwehlisa, ndabona ke ngathi yimbonakalo yomlilo, kumhlophe ke ngeenxa zonke.
-
28
|Ezequiel 1:28|
Ngathi yimbonakalo yomnyama obakhoyo efini mini ngemvula, yabe injalo imbonakalo yobumhlophe ngeenxa zonke. Leyo yimbonakalo yomfanekiselo wobuqaqawuli bukaYehova. Ndabona ke, ndawa ngobuso, ndaliva izwi lothethayo.
-
1
|Ezequiel 2:1|
Wathi kum, Nyana womntu, yima ngeenyawo zakho, ndithethe nawe.
-
2
|Ezequiel 2:2|
Kwangena ke uMoya kum, xa abethetha nam, wandimisa ngeenyawo zam, ndamva othetha kum.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10