-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Ezequiel 2:3|
Wathi kum, Nyana womntu, ndikuthuma koonyana bakaSirayeli, kwiintlanga ezingabagwiliki, abagwilikileyo kum; bona nooyise babo bakreqile kum, kwada kwayile mini.
-
4
|Ezequiel 2:4|
Oonyana baziingwanyalala ubuso, balukhuni intliziyo. Ndikuthuma kubo; uze uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova.
-
5
|Ezequiel 2:5|
Ke bona (nokuba bathe beva, nokuba bathe bala, kuba beyindlu eneenkani) baya kwazi ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.
-
6
|Ezequiel 2:6|
Wena ke, nyana womntu, musa ukuboyika, ungawoyiki amazwi abo; nangani usemarhawini nasemeveni, uhleli phezu koonomadudwane, musa ukuwoyika amazwi abo, ungaqhiphuki umbilini bubuso babo, kuba bayindlu eneenkani.
-
7
|Ezequiel 2:7|
Wathethe ke kubo amazwi am, nokuba bathe beva, nokuba bathe bala; ngokuba baneenkani.
-
8
|Ezequiel 2:8|
Wena ke, nyana womntu, yiva endikuthethayo kuwe; ungabi nankani, njengale ndlu ineenkani; yakhamisa, udle endikunikayo.
-
9
|Ezequiel 2:9|
Ndabona, naso isandla solulelwe kum; nantso kuso incwadi esongwayo.
-
10
|Ezequiel 2:10|
Wayitwabulula phambi kwam; yaye ke ibhaliwe ngaphakathi nangaphandle, kubhalwe kuyo izimbonono, nezikhwino, nezimema.
-
1
|Ezequiel 3:1|
Wathi ke kum, Nyana womtu, kudle okufumanayo yidle le ncwadi isongwayo, uye uthethe kwindlu kaSirayeli.
-
2
|Ezequiel 3:2|
Ndawuvula ke umlomo wam, wandidlisa loo ncwadi isongwayo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10