-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
13
|Ezequiel 3:13|
Kananjalo ndeva nesandi samaphiko ezinto eziphililileyo, elo lifikelela kwelo, nesandi seevili ngakuzo, nesandi sendudumo enkulu.
-
14
|Ezequiel 3:14|
Wandifunqula uMoya, wandisusa; ndahamba ndikrakra bubushushu bomoya wam. Saye ke isandla sikaYehova siphezu kwam, siqinile.
-
15
|Ezequiel 3:15|
Ndafika ke eTelabhibhi, kubathinjwa ababehleli emlanjeni oyiKebhare, apho babehleli khona; ndahlala phantsi khona iintsuku zasixhenxe, ndimangalisiwe, phakathi kwabo.
-
16
|Ezequiel 3:16|
Kwathi ekupheleni kweentsuku ezisixhenxe, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
17
|Ezequiel 3:17|
Nyana womntu, ndikwenze umboniseli kwindlu kaSirayeli; live ke ilizwi emlonyeni wam, ubavuselele ngokuvela kum.
-
18
|Ezequiel 3:18|
Xa ndithi kongendawo, Inene, uya kufa; usuke wena ungamvuseleli, ungathethi ukuze umvuselele ongendawo, ukuze aphume endleleni yakhe engendawo, aphile; wofa ongendawo lowo ngobugwenxa bakhe, kodwa lona igazi lakhe ndolibiza esandleni sakho.
-
19
|Ezequiel 3:19|
Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo, akabuya endleleni yakhe, endleleni yakhe engendawo: wofa ngobugwenxa bakhe, kodwa wena uwuhlangule umphefumlo wakho.
-
20
|Ezequiel 3:20|
Ke, lakubuya ebulungiseni balo ilungisa, lenze ngobugqwetha, ndibeke isikhubekiso phambi kwalo; lofa lona; xa uthe akwalivuselela, lofa ngenxa yesono salo, bungakhunjulwa ubulungisa balo elabenzayo; kodwa lona igazi lalo ndolibiza esandleni sakho.
-
21
|Ezequiel 3:21|
Wena ke, xa uthe walivuselela ilungisa, ukuba lingoni ilungisa, alona ke: lophila ngokuba livuselelwe, ke wena uwuhlangule umphefumlo wakho.
-
22
|Ezequiel 3:22|
Sabakho apho isandla sikaYehova phezu kwam, wathi kum, SukÂ’ ume, phuma uye entilini, ndithethe nawe khona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7