-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Ezequiel 9:3|
Ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli baye bunyuka, busuka ekerubhini obebuphezu kwayo, baya emnyango wendlu. Wamemeza endodeni eyambethe ilinen emhlophe, enezinto zokubhala ethangeni layo.
-
4
|Ezequiel 9:4|
Wathi uYehova kuyo, Canda esazulwini somzi, esazulwini seYerusalem, ubeke uphawu emabunzini amadoda agcunayo, ancwinayo ngenxa yamasikizi onke awenzekayo esazulwini sayo.
-
5
|Ezequiel 9:5|
Wathi kwamanye ezindlebeni zam, Candani esazulwini somzi emva kwayo, nixabele; malingabi nanceba iliso lenu, ningabacongi.
-
6
|Ezequiel 9:6|
Amaxhego, amadodana nomthinjana, abantwana nabafazi, babulaleni, ukuze batshabalale; ke bonke abantu abanophawu olo, musani ukufika kubo; nize niqalele ke engcweleni yam. Aqala ke ngamadoda amakhulu abephambi kwendlu.
-
7
|Ezequiel 9:7|
Wathi ke kuwo, Yenzeni inqambi indlu le, nizizalise iintendelezo ngababuleweyo; phumani niye. Aphuma ke abulala kuwo umzi.
-
8
|Ezequiel 9:8|
Kwathi, xa ababulalayo, ndisele mna, ndawa ngobuso, ndakhala, ndathi, Awu! Nkosi Yehova, uya kuwatshabalalisa onke na amasalela amaSirayeli ngokubuthulula ubushushu bakho phezu kweYerusalem?
-
9
|Ezequiel 9:9|
Wathi kum, Ubugwenxa bendlu kaSirayeli nobendlu kaYuda bukhulu kakhulu kunene, nelizwe lizele ligazi, nomzi uzele bubugqwetha; ngokuba besithi, UYehova ulilahlile ilizwe, uYehova akaboni.
-
10
|Ezequiel 9:10|
Ke nam aliyi kuba nanceba iliso lam, ndibaconge; ndiya kubanika ngokwendlela yabo entlokweni yabo.
-
11
|Ezequiel 9:11|
Nantso indoda eyayambethe ilinen emhlophe, ebinezinto zokubhala ethangeni layo, ibuya nelizwi elithi, Ndenze njengoko ubundiwisele umthetho ngako.
-
1
|Ezequiel 10:1|
Ndabona, nanko, phezu kwesibhakabhaka esibe siphezu kwentloko yeekerubhi, kunjengelitye lesafire, kubonakala ngathi ngumfanekiso wetrone; wabonakala phezu kwazo uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10