-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
2
|Ezequiel 10:2|
Wathetha kwindoda eyambethe ilinen emhlophe, wathi, Yiya phakathi kweevili ezijikelezayo ngaphantsi kwekerubhi, uzalise izandla zakho ngamalahle omlilo, uwathabathe phakathi kweekerubhi, uwasasaze phezu kwawo umzi. Yangena ndiyibona.
-
3
|Ezequiel 10:3|
Ke iikerubhi bezimi ngasekunene kwendlu, ekungeneni kwendoda leyo; ilifu layizalisa intendelezo ephakathi.
-
4
|Ezequiel 10:4|
Benyuka ubuqaqawuli bukaYehova, besuka ezikerubhini, baya emnyango wendlu. Yazala indlu lilifu, nentendelezo yazala bubumhlophe bobuqaqawuli bukaYehova.
-
5
|Ezequiel 10:5|
Savakala isandi samaphiko eekerubhi, sada saya entendelezweni engaphandle, sinjengezwi loSomandla akuthetha.
-
6
|Ezequiel 10:6|
Kwathi, akuyiwisela umthetho indoda eyambethe ilinen emhlophe, esithi, Thabatha umlilo phakathi kweevili ezijikelezayo, phakathi kweekerubhi, yasuka yangena yema ecaleni kweevili.
-
7
|Ezequiel 10:7|
Ibe isuka ke ikerubhi, isolule isandla sayo phakathi kweekerubhi, isise emlilweni ophakathi kweekerubhi, iwuthabathe, iwunikele esandleni sowambethe ilinen emhlophe; ebewuthabatha ke aphume.
-
8
|Ezequiel 10:8|
Kwabonakala ke ezikerubhini into efana nesandla somntu, phantsi kwamaphiko azo.
-
9
|Ezequiel 10:9|
Ndabona, nanzo iivili ezine zisecaleni leekerubhi, ivili enye isecaleni lekerubhi enye, ivili enye isecaleni lekerubhi enye, ukubonakala kweevili ngathi yimbonakalo yelitye lekrizolite.
-
10
|Ezequiel 10:10|
Ngokubonakala kwazo zone bezimfani-nye, kwanga kukho ivili ngaphakathi kwevili.
-
11
|Ezequiel 10:11|
Ekuhambeni kwazo zahamba zaya kumacala azo omane; azajikeleza ekuhambeni kwazo; ngokuba apho sukuba leyo iphambili ibe ibheka khona, zibe ziyilandela, zingajikelezi ekuhambeni kwazo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10