-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|Ezequiel 11:10|
Niya kuwa likrele; ndiya kunigweba emdeni wakwaSirayeli; nazi ukuba ndinguYehova.
-
11
|Ezequiel 11:11|
Wona lo mzi awuyi kuba yimbiza kuni, aniyi kuba yinyama nina phakathi kwawo; ndiya kunigweba emdeni wakwaSirayeli,
-
12
|Ezequiel 11:12|
nazi ukuba ndinguYehova; imimiselo yam anihambanga ngayo, namasiko am anawenza; nesuka nenza ngokwamasiko eentlanga ezingeenxa zonke kuni.
-
13
|Ezequiel 11:13|
Kwathi ke ndakuprofeta, wafa uPelatiya unyana kaBhenaya. Ndawa ngobuso bam, ndakhala ngelizwi elikhulu, ndathi, Awu! Nkosi Yehova! Uyawagqibela kuphele na wena amasalela akwaSirayeli?
-
14
|Ezequiel 11:14|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
15
|Ezequiel 11:15|
Nyana womntu, abazalwana bakho, abazalwana bakho ngamadoda akowenu, nendlu yonke yakwaSirayeli yonke iphela, yona leyo bathi ngayo abemi baseYerusalem, Bakude kuYehova; linikwe thina ilizwe ukuze sime kulo.
-
16
|Ezequiel 11:16|
Ngako oko yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekubeni ndibakhwelelisele ezintlangeni, ndabaphangalalisa emazweni, ke ndoba yingcwele kubo umzuzwana omncinane kuloo mazwe baye kuwo.
-
17
|Ezequiel 11:17|
Ngako oko yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kunibutha ezizweni, ndinihlanganise emazweni enilusali kuwo, ndininike umhlaba wakwaSirayeli.
-
18
|Ezequiel 11:18|
Baya kufika kuwo, bazisuse kuwo zonke izinto zawo ezinezothe, namasikizi awo onke.
-
19
|Ezequiel 11:19|
Ndobanika ntliziyo yimbi, ndibeke umoya omtsha ngaphakathi kwenu; ndiyisuse intliziyo yelitye enyameni yabo, ndibanike intliziyo yenyama;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10