-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
15
|Ezequiel 12:15|
bazi ukuba ndinguYehova, ekubaphangalaliseni kwam ezintlangeni, ndibachithachithe emazweni.
-
16
|Ezequiel 12:16|
Ndoshiya kubo amadoda ambalwa, asinde ekreleni, nasendlaleni, nasendyikityeni yokufa; ukuze bawabalise amasikizi abo onke ezintlangeni abaye kuzo; bazi ukuba ndinguYehova.
-
17
|Ezequiel 12:17|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
18
|Ezequiel 12:18|
Nyana womntu, wosidla isonka sakho ungcangcazela, uwasele amanzi akho ugungqa, unesithukuthezi.
-
19
|Ezequiel 12:19|
Wothi ke kubantu belizwe, Itsho iNkosi uYehova ngokusingisele kubemi baseYerusalem, emhlabeni wakwaSirayeli, ukuthi, Isonka sabo bosidla benesithukuthezi, bawasele amanzi abo bemangalisiwe; ukuze ezweni labo kube senkangala, ingabikho inzaliseko yalo ngenxa yogonyamelo lwabo bonke abahleli kulo.
-
20
|Ezequiel 12:20|
Yoba ngamanxuwa imizi emiweyo, kube senkangala elizweni; nazi ukuba ndinguYehova.
-
21
|Ezequiel 12:21|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
22
|Ezequiel 12:22|
Nyana womntu, uyintoni na lo mzekeliso ninawo emhlabeni wakwaSirayeli, wokuthi, Imihla iyoluka, iyadaka imibono yonke?
-
23
|Ezequiel 12:23|
Ngako oko yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuwenza uphele lo mzekeliso, bangabi sazekelisa ngawo kwaSirayeli; ke, yithi kubo, Isondele imihla, nesiphelo semibono yonke.
-
24
|Ezequiel 12:24|
Ngokuba akuyi kuba sabakho namnye umbono okhohlakeleyo, nokuvumisa okucengacengayo, phakathi kwendlu kaSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7