-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
25
|Ezequiel 12:25|
Ngokuba ndinguYehova, ndiya kuthetha; ilizwi endisukuba ndilithetha liya kwenzeka, lingayi kulibala; ngokuba ngemihla yenu, ndlundini ineenkani, ndithetha ilizwi, ndilenze; itsho iNkosi uYehova.
-
26
|Ezequiel 12:26|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
27
|Ezequiel 12:27|
Nyana womntu, yabona, indlu kaSirayeli ithi, Umbono awubonayo yena lo, ngowemihla emininzi; uprofetele amaxesha akude.
-
28
|Ezequiel 12:28|
Ngako oko yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Akayi kuba salityaziswa onke amazwi am; ilizwi endisukuba ndilithetha liya kwenzeka; itsho iNkosi uYehova.
-
1
|Ezequiel 13:1|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
2
|Ezequiel 13:2|
Nyana womntu, profeta uchase abaprofeti bakwaSirayeli abaprofetayo, uthi kwabaprofeta okwentliziyo yabo, Liveni ilizwi likaYehova.
-
3
|Ezequiel 13:3|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha ke, abaprofeti abanobudenge, abalandela owabo umoya, nento abangayibonanga!
-
4
|Ezequiel 13:4|
Baba njengeempungutye emanxuweni abaprofeti bakho, Sirayeli.
-
5
|Ezequiel 13:5|
Aninyukanga niye emathutyeni, niyibiyele ngodonga indlu kaSirayeli, ukuze nakhe uluhlu lokulwa ngomhla kaYehova.
-
6
|Ezequiel 13:6|
Babona into ekhohlakeleyo nokuvumisa okungamanga, abo bathi, Utsho uYehova; uYehova engabathumanga, ukanti balinda ukuqiniswa kwelo lizwi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13